ULUNGISELELO
UCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
UCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
Uncitshiso Uphuhliso lukamasipala Imeko-bume ezolileyo lwentlupheko oluhlangeneyo
Ukufezekiswa Uphuhliso lwezoqoqosho Indlela yokuba Uhlanganiso lweendawo
Kweenkonzo lwengingqi ngamahlakani
Eziphuculweyo
IDP Ulawulo lofezekiso Inkqubo ehlangeneyo nokufezekiswa kwezithembiso
Inkqubo-sakhelo Indlela yokusebenza/ Inkqubo yoqeqesho Inkqubo esemthethweni/umgaqo izixhobo/iindlela yenkxaso lawulo osemthethweni zokwenza yolawulo locwangciso nofezekiso (PIMSS)
Uphuhliso lwezakhono
INTSHAYELELO
Urhulumente wengingqi ngumthathi-nxaxheba ophambili kwinkqubo yophuhliso yoMzantsi Afrika. Inkqubo yenguqu yokumisela oomasipala abangenamkhethe ngokobuhlanga nabanakho ukusebenza linyathelo lobuchule elingundoqo elinokwenza ukuba urhulumente wengingqi azalisekise indima yakhe yophuhliso.
Amanyathelo aphambili ale nkqubo yenguqu ibi ngala:
ukunikezela inkqubo-sakhelo yomgaqo-nkqubo ecacileyo nekhuthazayo ngoXwebhu lweNkqubo yokusebenza elungele ukusetyenziswa kurhulumente wengingqi;
inkqubo yokwahlula kwakhona ethe yaba neziphumo zoomasipala abanakho ukusebenza ; kwakunye nokunikeza inkqubo-sakhelo entsha esemthethweni kurhulumente wengingqi ngokumisela uMthetho wamaQumrhu ooMasipala kwanoMthetho weeNkqubo zooMasipala.
Kukhetho lukarhulumente wengingqi obelubanjiwe ngomhla wesi-5 kuDisemba 2000 isigaba senguqu sifikelele esiphelweni kwaye inkqubo yorhulumente wengingqi ingaqalisa ukusebenza phezu kwesiseko esiluqilima.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lolunye lwezixhobo ezingundoqo khon' ukuze urhulumente wengingqi abe nakho ukumelana nendima yakhe entsha yophuhliso. Ngokuchasene nendima edlalwe lucwangciso kwixa eligqithileyo, ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lubonwa ngoku njengomsebenzi wolawulo lukamasipala nanjengenxalenye yenkqubo ehlangeneyo yocwangciso nokufezekiswa kwezithembiso. Inkqubo ye-IDP yenzelwe ukuba ifikelele kwizigqibo kwimiba efana nohlahlo-lwabiwo-mali lukamasipala, ulawulo lwemihlaba, inkuthazo kuphuhliso lwezoqoqosho lwengingqi kwakunye nenguqu yezamaziko ngendlela yothetha-thethwano ecwangciswe kakuhle nenobuchule. IziCwangciso zoPhuhliso oluHlangeneyo phofu azizikunika nkcazelo kulawulo lukamasipala kuphela; zifanele ukuba zikhokele imisebenzi yayo nayiphi i-arhente evela kwamanye amacandelo karhulumente, amaqumrhu anika inkonzo, imbutho engekho phantsi kulawulo lukarhulumente kwakunye necandelo labucala elikwingigqi kamasipala.
Kwithuba eligqithileyo lolawulo, inkoliso yamagunya engingqi enguqu ebesele eyinxalenye yokulungiswa kwezicwangciso ze-IDP. ( uninzi lwazo lwaphelela ekulungiseleleni ii-LDO). Oku kwenziwa phantsi kweemeko ezinzima.Inkqubo-sakhelo esemthethweni esiqinisekisayo yayingekamiselwa. Uninzi lwamagunya engingqi (AmaBhunga amele iNguqu ngokuthe ngqo), ebengenazakhono zokulawula inkqubo yocwangciso elolo hlobo. Bekungekho ndlela yosetyenziso yocwangciso evavanyiweyo nankqubo yoqeqesho ebanzi necwangcwiswe kakuhle. Nangona kunjalo bonke abo bebethatha inxaxheba kwinkqubo ye-IDP yangaphambili bafunde lukhulu kule nkqubo. Kwaye amagunya engingqi ambalwa sele enze inkqubela phambili ebonakalayo ekusekeni indlela yokucwangcisa enokunceda ukuphucula ukufezekiswa okanye ukuphunyezwa kweeprojekthi neenkqubo.
Ngoku, kanye ngexesha elifanelekileyo kumabhunga asand ' ukukhethwa, inkqubo yenkxaso ezimele ngokupheleleyo seyilungele inkqubo ezayo ye-IDP.:
Kukho inkqubo yoqeqesho enabileyo kazwelonke yabalawuli boomasipala, amagosa obugcisa, ooceba kwanabo baqeqeshelwe ukucwangcisa, elungiselela abo bangabathathi-nxaxheba abavela koomasipala bonke.
Inkqubo yenkxaso enabileyo kuzwelonke yoomasipala bengingqi (PIMSS) iyasekwa kunye namaziko enkxaso akumgangatho wezithili njengenxalenye engundoqo.
Inani elivisayo loomasipala, i-SALGA, amasebe amaphondo karhulumente wengingqi kwakunye noludwe lwamasebe amacandelo kazwelonke, athathe inxaxheba kule nkqubo eye yazala le ncwadana ingumqulu osisikhokelo se-IDP. Ndiqinisekile ke ngoko ukuba ngenxa yoko, le miqulu ipapashiweyo iya kuba yincwadana esisikhokelo eluncedo ekwayinkuthazo kuni nonke nina bayinxalenye yenkqubo ye- IDP, kumalinge enu okwenza i-IDP isixhobo sokukhawulelana neemfuno zentlalo nezoqoqosho zoluntu lwethu ngokufanelekileyo.
IINCWADANA EZIZIKHOKELO KOLU THOTHO ZIQUKA:
AMAGQABANTSHINTSHI NGOKUBANZI:
INCWADANA ESISIKHOKELO YOKU-I: IZIKHOKELO
Zinika isikhokelo esisisiseko ngenjongo, iziqulatho, iinkqubo nemiba yezamaziko oCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo. Ezi zikhokelo, ngaphandle kokunika ingcaciso yoMthetho weMixokelelwano yooMasipala 2000, zigqitha ngaphaya kweemfuno ezilindelekileyo nezidweliswe kulo Mthetho.
Inika uncedo ekuqulunqeni inkqubo yocwangciso. Ibeka umnwe ekucaciseni iindima noxanduva kumalungiselelo emibutho kwanokumisa ngendlela iinkqubo zocwangciso kwimigangatho eyahlukeneyo.
Inika inkcazelo eneenkcukacha yezigaba zenkqubo ye-IDP nemisebenzi yocwangciso kwisigaba ngasinye kwaneenkcukacha ezizezi:
Injongo ("Kutheni?")
Iziphumo ezifunekayo ("Yintoni?") kunye
Neenkqubo ezicetyisiweyo ("Njani?") kwanemiba yezamaziko (" Ngubani?").
Inika iindlela ezahlukeneyo zezixhobo zocwangciso/ ubuchule bocwangciso ukulungiselela imisebenzi yocwangciso engundoqo neengcebiso ekusebenzisekeni kwezixhobo.
INCWADANA ESISIKHOKELO V: AMACANDELO NEMILINGANISELO
Inika isikhokelo ngendlela yokunxulumanisa ezinye izikhokelo zemigaqo-nkqubo eqhelekileyo (ezingezo ze- IDP) okanye imigaqo-nkqubo yamacandelo kwinkqubo ye-IDP.
Inika isikhokelo :
Kuqhagamshelwano kufezekiso locwangciso.
Izixhobo zolawulo lofezekiso.
Izixhobo zolawulo zobeko esweni nokwenza.
IZIQULATHO
Yintoni ekufuneka ilungisiwe?
Amaxwebhu Afunekayo: ISicwangciso seNkqubo neSakhelo
Inkqubo Yolungiselelo
Isikhokelo Esinikwa Lolu Xwebhu
UKWABIWA KWEENDIMA NOXANDUVA
AMALUNGISELELO OMBUTHO
UKUYILA INKQUBO YENYATHELO
IINDLELA NEMIGAQO YOLUNGELELWANISO
UWISO MTHETHO OLUBOPHELELAYO NEEMFUNO ZOCWANGCISO ZIKAZWELONKE NEPHONDO
UHLAHLO LWABIWO-MALI LWENKQUBO YOCWANGCISO
ISAKHELO
ISIHLOMELO 1
ISIHLOMELO 2
Isigaba I: Ucalulo/Uhlalutyo
Isigaba V: Ukuvunywa
ISIHLOMELO 3
Eli candelo lentshayelelo likunika:
injongo emfutshane engenkqubo yolungiselelo, echaza okudingeka kulungiswe kwaye kutheni (1.1);
ukubonisa nokutolika iimfuno zasemthethweni zolungiselelo (1.2);
isishwankathelo samaxwebhu (neziqulatho zawo) emaziqokelelwe ngenxa yenkqubo yolungiselelo (1.3);
isikhokelo nje ngokubanzi ngendlela yokuqulunqa inkqubo yolungiselelo (1.4); kwaye okokugqibela uphengululo lweziqulatho zale ncwadana esisikhokelo (Incwadana esisikhokelo II) ebonisa indlela eza kukukhokela ngayo kumanqanaba nakwimisebenzi yolungiselelo (1.5).
YINTONI EKUFUNEKA ILUNGISIWE?
Ukuqulunqa iSicwangciso soPhuhliso oluHlangeneyo kufuna inkqubo yocwangciso eziinyanga ezili-9 apho kubandakanyeka uludwe olubanzi lwabadlali-ndima abangaphakathi nabangaphandle komasipala. Inkqubo enjalo kufuneka iqulunqwe kwaye ilungiswe kakuhle. Idinga into enjengesicwangciso seshishini:
Iindima noxanduva kufuneka zicaciswe kwangaphambili kwaye imithombo yoluntu yangaphakathi kufuneka yabiwe ngokufanelekileyo.
Amalungiselelo ombutho kufuneka asekwe kwaye nezigqibo ngobulungu bamaqela, iikomiti namaqumrhu zizinto ekufuneka zenziwe.
Udweliso lwenkqubo kufuneka lwenziwe apho kubekwa imisetyenzana yocwangciso ecingwayo, ixesha neemfuno zemithombo yobutyebi yenkqubo yocwangciso. Udweliso lwenkqubo olunjalo lwenkqubo yocwangciso lubalulekile ukuze kwaziwe okwenziwayo kwaye kunxityelelwane nabanye abadlali-ndima (ingakumbi phakathi koomasipala bengingqi nabesithili).
Kufuneka kunikwe ingqalelo eyodwa ekuthatheni izigqibo ngeendlela nemigaqo yothatho-nxaxheba lwebutho lasekuhlaleni nabo banebango ngexesha lenkqubo yocwangciso: Ngubani ekufuneka abandakanyeke, kucetyiswane naye nomakaziswe, kweliphi inqanaba lenkqubo kwaye ngeyiphi indlela? Kufuneka kwezniwe izigqibo ngaloo nto kwangaphambili ukuze abantu baxelelwe kwangoko kwaye kwabiwe nemithombo yobutyebi efunekayo kwangoko.
Kukwayinyaniso oku ngokubhekiselele kwiindlela nemigaqo yolungelelaniso nabanebango bangaphandle njengabanye oomasipala, izithili kunye namanye amanqanaba karhulumente. Imisetyenzana yolungelelaniso enjalo kufuneka kugqitywe ngayo phantsi kwesiseko esibophelelayo, ngesakhelo esidibeneyo senkqubo yocwangciso enxibelelanayo efuna ulungiselelo kwangaphambili.
Umntu kufuneka aqiniseke ukuba onke amaxwebhu asemxholweni, lawo kufuneka eqwalaselwe ngexesha lenkqubo yocwangciso, ayaziwa kwaye ayafumaneka. Oku kubhekisa ngokukodwa kumaxwebhu asemthethweni nakwizikhokelo, izicwangciso neendlela zobuchule kwinqanaba lephondo nozwelonke nabaniki nkonzo bequmrhu.
Kufuneka kwenziwe uqikelelo lweendleko lwenkqubo yocwangciso yonke olusekwe kuwo onke la manqanaba olungiselelo.
Lo msebenzi wolungiselelo lwe-IDP ngumsebenzi wabalawuli bakamasipala. Inkqubo yolungiselelo kufuneka ibe negalelo ekuyilungeleni kweziko likamasipala inkqubo ye-IDP. Akakho omnye umntu onokwenza izigqibo zolawulo ezibandakanyekayo kuyo. Incwadana esisikhokelo II imele incedise umlawuli wakwamasipala enze lo msebenzi wolungiselelo ngendlela elula nethe ngqo.
Ukuze kube nokuqinisekiswa imigangatho ethile yenkqubo ye-IDP kwaye nentsebenziswano phakathi nakumanqanaba karhulumente, ulungiselelo lwenkqubo yocwangciso lumiselwe imithetho kuMthetho weMixokelelwano yooMasipala, 2000. Lo Mthetho awuthethi nto yahlukileyo kwiimfuno zolungiselelo ezixelwe ngasentla apha ezivela kusetyenziso "lwengqondo nje". Ufuna:
a Ulwamkelo "lwenkqubo ebekwe ngokubhalwa" ngumasipala ngamnye owengingqi/owesithili emele ukukhokela ucwangciso, uqulunqo ulwamkelo nophononongo lwe-IDP. Olu xwebhu lubhaliweyo lwenkqubo ye-IDP luya kubizwa ngokufutshane "Isicwangciso senkqubo kule Ncwadana esisikhokelo. Esi Sicwangciso seNkqubo kufuneka siquke:
udweliso lwenkqubo exela amaxesha amanqanaba ocwangciso ohlukeneyo;
iindlela ezifanelekileyo, neendlela zokwenza nemigaqo yokucebisana nothatho-nxaxheba lwamabutho asekuhlaleni engingqi, imibutho karhulumente, oogunyaziwe bemveli nabadlali-ndima kwinkqubo yoqulunqo lwe-IDP;
ukuchongwa kwezicwangciso neemfuno zocwangciso ezibophelelayo kumasipala ngokwemigqaliselo yowiso mthetho lwephondo nozwelonke.
b Ulwamkelo lwesakhelo socwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ngumasipala wesithili ngamnye esibophelela umasipala wesithili noomasipala bengingqi kummandla kwaye esimele ukuqinisekisa nolungelelaniso lwenkqubo yocwangciso kamasipala wesithili noomasipala bengingqi abohlukeneyo.
Ngeli xesha iSicwangciso seNkqubo kufuneka sisekwe phezu kokucebisana namabutho asekuhlaleni engingqi kwaye kufuneka kunxityelelwene nabo ngaso, iSakhelo kufuneka sisekwe kwinkqubo yokucebisana noomasipala bengingqi kummandla wesithili.
Izicwangciso zenkqubo kwiSakhelo esikwinqanaba lesithili kufuneka zisekwe ngendlela yentsebenziswano ngexesha lesigaba solungiselelo ukuze kuqinisekiswe ukuba iZicwangciso zeNkqubo zoomasipala bengingqi zihambelana nesakhelo kwaye iSakhelo sibonisa izindululo zoomasipala bonke bengingqi. Inkqubo yokucwangcisa edityanisiweyo ifuna ulungiselelo oludityanisiweyo lwaloo nkqubo.
AMAXWEBHU AFUNEKAYO: ISICWANGCISO SENKQUBO NESAKHELO
ISicwangciso senkqubo neSakhelo ngamaxwebhu amabini ahlukeneyo, elinye lithetha nelinye. Isicwangciso senkqubo sisixhobo solawulo sikamasipala ngamnye(kwingingqi nesithili) esinceda kulawulo lwenkqubo ye-IDP yonke imihla. Isakhelo sisixhobo sokudibanisa sesithili esinceda ukuqinisekisa iinkqubo zocwangciso ezinxulumeneyo nezinxuseneyo kwinqanaba lesithili nelengingqi. Amanye amacandelo eZicwangciso zeNkqubo neSakhelo ayafana ncam, amanye afunwa kuphela kuxwebhu olunye lwala mabini (thelekisa isazobe 1).
ISicwangciso seNkqubo kufuneka sizalisekise umsebenzi wesicwangciso soshishino okanye isicwangciso sokusebenza senkqubo ye-IDP. Kufuneka sitsho ngamazwi alula ukuba into ethile iza kwenzeka nini, isenziwa ngubani, esenza nabani, phi, kwaye kufuneka kuqukwe noqikelelo lweendleko.
Olu xwebhu lumele lube semgangathweni ophezulu, olwenza uphengululo lwalo lube lula ngeefomathi.
Ngeli xa umasipala ngamnye ekhululekile ukuyila uxwebhu lwakhe ngeyakhe indlela,uluhlu lweziqulatho olucetyiweyo lunganceda ukunika umfanekiso ocacileyo wokuba iimfuno zasemthethweni nezokwenza ezixelwe ngasentla zingafakwa njani na.
ISICWANGCISO SENKQUBO-
ULUHLU LWEZIQULATHO OLUCETYWAYO Inani lamaphepha aqikelelwayo
Intshayelelo 
Udweliso lwenkqubo yenyathelo enexesha elimisiweyo neemfuno zemithombo (4-5)
Iindlela nemigaqo ngothatho-nxaxheba lwebutho lasekuhlaleni nabanebango (2-3)
Iindlela nemigaqo yolungelelaniso (1-2)
Izicwangciso ezibophelelayo neemfuno zocwangciso kwinqanaba lephondo nelikazwelonke 
Uqikelelo lweendleko zenkqubo yocwangciso (1-2)
Umsebenzi weSakhelo kukuqinisekisa ukuba inkqubo yee-IDP zesithili neyee-IDP zengingqi zidityanisiwe kwaye enye inganika enye ulwazi. Ukuba iinkqubo ezinxuseneyo zimele zidityaniswe, kufuneka kuvunyelwane ngesicwangciso sexesha kwakunye nezinto ezibalulekileyo . Oku kuya kwenziwa ngeSakhelo. Oomasipala besithili ngabo abongamele ukuqulunqwa kweSakhelo. Njengoko kufuneka sivunywe ngoomasipala bengingqi kwaye siza kusetyenziswa ngabo bonke oomasipala njengesiseko sokuqulunqa iZicwangciso zeNkqubo, kufuneka iSakhelo kuvunyelwane ngaso kwinqanaba elisekuqaleni lenkqubo yolungiselelo.
ISAKHELO: ULUHLU LWEZIQULATHO OLUCETYWAYO
Intshayelelo
Udweliso lwenkqubo yeSakhelo neXesha Elimisiweyo (1-2)
Imibandela, Iindlela neMigaqo yoLungelelaniso nokuCebisana (1-2)
Izicwangciso Ezibophelelayo neeMfuno zoCwangciso kwiNqanaba lePhondo nelikaZwelonke 
Imigaqo neMithetho-siseko yoBeko esweni lweNkqubo yoCwangciso noLungiso lweSakhelo 
Ukuthobela inkqubo ye-IDP yoomasipala bonke ngeSakhelo kufuneka ibekwe esweni zizithili ukuze kube nokuthathwa inyathelo elililo ngexesha ukuba abanye oomasipala bayoyisakala ukuwabamba amaxesha amisiweyo.
ISAZOBE 1: ISICWANGCISO SENKQUBO NESAKHELO
IZIQULATHO KUTHELEKISO
Ukwabiwa kweendima noxanduva
Amalungiselelo ombutho Izicwangciso zeNkqubo
Iindlela neMigaqo yoThatho-nxaxheba lweButho lasekuhlaleni naBanebango
Inkqubo yenyathelo ekunye neXesha elimisiweyo neMithombo yoButyebi efunekayo
Iindlela neMigaqo yoLungelelaniso
Uqikelelo lweendleko zeNkqubo yoCwangciso Isakhelo
Inqanaba leSithili
Kukho izahluko ezithathu ekufuneka zibe yinxalenye yeSakhelo kwaneSicwangciso seNkqubo ngasinye: Udweliso lweNkqubo yeNyathelo, isahluko solungelelaniso kunye nesahluko sowiso mthetho olubophelelayo neemfuno zocwangciso.Udweliso lweeNkqubo zeNyathelo zikaMasipala luyakwahluka kuDweliso lweNkqubo ekwiSakhelo. Kufuneka ezi nkqubo zibe neenkcukacha kwaye ke ngoko kufuneka ziqulunqwe ngumasipala ngamnye ewathathela ingqalelo amaxesha amisiweyo eSicwangciso seNyathelo leSakhelo. Imigaqo yoLungelelaniso nowiso mthetho olubophelelayo neemfuno zocwangciso ziya kufana nezeSakhelo seSithili nezeZicwangciso zeNkqubo. Ezi zinto zisenokuthathwa phaya kwisakhelo.
INKQUBO YOLUNGISELELO
Sele kutshiwo ukuba ukulungisa iSicwangciso seNkqubo ngumsebenzi wabalawuli njengolungiselelo lwaso nasiphi na isicwangciso soshishino. Asidingi izakhono zocwangciso ezizodwa. Ayidingi nakubandakanyeka kwabacebisi. Isiphumo senkqubo yolungiselelo akufunekanga ibe luxwebhu (iSicwangciso seNkqubo) kuphela, kodwa kufuneka ibe lulawulo olulungiswe kakuhle, olunengqiniseko ngomsebenzi wocwangciso ozayo. Inkqubo yolungiselelo ifuna ukucebisana nabadlali-ndima abalindeleke ukuba bathathe inxaxheba okanye emakucetyiswane nabo kwinkqubo yocwangciso:
a phakathi koomasipala bengingqi nabesithili njengoko kufuneka kuseko lweSakhelo;
b kunye namaqela ebutho lasekuhlaleni nabanebango ekufuneka benikwe ithuba lokuba babe yinxalenye yamalungiselelo ombutho;
c kunye namaqela axhasa ngemali ukuba kulungelelaniswe iimfuno zemithombo yobutyebi yenkqubo yocwangciso ngemithombo yobutyebi ekhoyo.
Ukulawula ezi nkqubo zokucebisana kwaye nokufumana bonke abadlali-ndima babesemsebenzini wenkqubo ye-IDP ngowona msebenzi wolungiselelo omkhulu. Xa kuthe kwazanywa kangangoko kungekho ziphazamiso, ixesha lenyanga enye singatsho sithi lanele.
ISIKHOKELO ESINIKWA LOLU XWEBHU
Incwadana esisikhokelo II ijolise ekubekeni ulawulo lukamasipala kwindawo apho lunokwenza iSicwangciso seNkqubo neSakhelo ngaphandle kwenkxaso yangaphandle kwaye luhambiselana neemfuno zoMthetho weMixokelewano yooMasipala, 2000 kwakunye neemfuno zokwenza zenkqubo yocwangciso elawulwa kakuhle. Isikhokelo siya kunikwa ngokubhekiselele kumsebenzi wolungiselelo ngamnye:
ukuthatha isigqibo ngokwabiwa kweendima noxanduva (icandelo 2)
ukuqulunqa uDweliso lwenkqubo yeNyathelo nezigaba, uludwe lwamaxesha neemfuno zemithombo yobutyebi (icandelo 4);
ukuthatha izigqibo ngeendlela nemigaqo efanelekileyo yothatho-nxaxheba (icandelo 6);
ukuchonga uwiso mthetho olubophelelayo neemfuno zocwangciso (icandelo 7);
ukulungisa uhlahlo lwabiwo-mali lwenkqubo yocwangciso (icandelo 8);
ukuhlanganisa kubhalwe iSakhelo (icandelo 9)
Kuyo yonke le misebenzi yolungiselelo, isikhokelo siya kunikwa kwezi ndawo:
a kwimisetyenzana yolungiselelo neemveliso ezifunekayo isikhokelo semigaqo yenkqubo yolungiselelo inxalenye yayo equka iifomathi ezicetywayo zokubhalwa kwamaxwebhu eemveliso;
b iziqulatho zeSicwangciso seNkqubo neSakhelo, oko kutsho izindululo ngezigqibo eziza kuthathwa ngokubhekiselele kubume benkqubo ye-IDP okanye iinqobo zokulinganisa emaziqwalaselwe xa kuthathwa izigqibo.
Iingcebiso zeziqulatho ezinikwe kwiNcwadana esisikhokelo II ezingendlela yokuyila inkqubo yeIDP azinako ukuthatha indawo yokufundisisa okuquluthwe ziiNcwadana ezizikhokelo II & III ezisisiseko sokuqonda ngokucacileyo inkqubo ye-IDP. Oku kuqonda ngokucacileyo kubalulekile kulungiselelo lwenkqubo ye-IDP yomasipala othile ngendlela echanekileyo nenokujika-jika, zithathelwa ingqalelo neemeko zengingqi. Injongo yokushwankathela iingcebiso zeziqulatho kwiNcwadna esisikhokelo II kukubeka le migaqo esisikhokelo emxholweni wenkqubo yolungiselelo neSicwangciso seNkqubo.
INTSHAYELELO
ISAZOBE 2: IXESHA ELIMISIWEYO LOLUNGISELELO LWENKQUBO YEIDP
Inqanaba lesithili
ISAKHELO
Iveki 1
Indibano yokwenza amafuphi ngoCwangciso
Inkqubo neNdlela yokwenza
Iimfuno zasemthethweni
Imixokelelwano yenkxaso
Iveki 2
Ulungiselelo loDweliso lwenkqubo neZiqulatho zeSakhelo seNqanaba leSithili
Iveki 3
Indibano yokufundisana engeSakhelo yenqanaba leSithili ixesha elimisiweyo elidibeneyo ulungelelaniso uwiso mthetho olubophelelayo
Iveki 4
Ulwamkelo lweSakhelo sokugqibela senqanaba leSithili liBhunga leSithili
IZICWANGCISO ZENKQUBO
Ezenqanaba leNgingqi nezenqanaba leSithili
Izigqibo ngeendima noxanduva
Ukuchongwa nokucebisana nabanye abadlali-ndima/
ubhengezo
Amaxesha neenqobo zolinganiso zeQumrhu Lokumela
Udweliso lwenkqubo yenyathelo equlunqwayo
Udweliso lwenkqubo yenyathelo eneenkcukacha enexesha elimisiweyo neenkcukacha nemithombo
Iindlela nemigaqo yothatho-nxaxheba lwebutho lasekuhlaleni
Ulwamkelo lweSicwangciso senkqubo liBhunga
Iindima noxanduva
Udweliso lwenkqubo enexesha elimisiweyo
Iindlela zothatho-nxaxheba lwebutho lasekuhlaleni
Uwiso mthetho olubophele layo lwePhondo/lukaZwelonke
UKWABIWA KWEENDIMA NOXANDUVA
Ukwabiwa kweendima noxanduva Izicwangciso zeNkqubo
Isakhelo
Yenye yeemfuno zokuqala zenkqubo yocwangciso equlunqwe kakuhle yokuba bonke abadlali-ndima baluqonda ngokupheleleyo uxanduva lwabo nolwabanye abadlali-ndima. Ngoko ke, yenye yeemfuno zokuqala zolungiselelo zenkqubo yocwangciso ye-IDP ukuqinisekisa ukuba ziqondwa kakuhle iindima ezifunekayo kwaye nabantu okanye imibutho engathatha ezo ndima.
A IMISETYENZANA NEEMVELISO ZOLUNGISELELO
Iimveliso ezifunekayo
Uluhlu lweendima noxanduva olufunekayo kwinkqubo yocwangciso (ngabalawuli bakamasipala).
Uluhlu lwabantu okanye amashishini alindeleke ukuthatha ezo ndima noxanduva.
Imigqaliselo ekubhekiswa kuyo ecacileyo nekuvunyelwene ngayo, enika iinkcukacha ngeendima noxanduva lwabo .
Inkqubo ecetyiweyo
Ikomiti ePhetheyo ye-IDP icacisa iindima ezimele ukudlalwa ngumasipala kwinkqubo ye-IDP ngokunxulumene neendima ekulindeleke ukuba abadlali-ndima bangaphandle bazidlale ngokuhambiselana neCandelo 84 loMthetho waMaqumrhu kaMasipala.
Iindima emazidlalwe ngabadlali-ndima bakwamasipala zichazwe ngakumbi ngokuba kuqulunqwe imigqaliselo ekubhekiswa kuyo ngendima nganye emisela uxanduva olunxulumene naloo ndima.
Umlawuli wakwaMasipala emva kokuqulunqa iinkcazo zeendima, uya ebantwini amabathathe ezi ndima kwaye angenise uluhlu olucetyiweyo lwabadlali-ndima ukuze kuxoxwe ngalo kwiKomiti ePhetheyo ye-IDP kwanokuvunywa kwalo yiKomiti yoLawulo yeBhunga okanye uSodolophu oLawulayo okanye iKomiti yooCeba Abonyuliweyo.
UKWABIWA KWEENDIMA NOXANDUVA PHAKATHI KWABADLALI-NDIMA BAKAMASIPALA NABANGAPHANDLE
Abadlali Iindima noxanduva
Urhulumente kaMasipala
Ukulungisa, ukuthatha isigqibo nokwamkela iSicwangciso seNkqubo
Ukuwenza wonke umsebenzi wolawulo nowolungelelaniso lwenkqubo yocwangciso oquka ukuqinisekisa ukuba:
bonke abadlali abasemxholweni babandakanywa ngokufanelekileyo iindlela nemigaqo efanelekileyo yokucebisana neyothatho-nxaxheba ziyasetyenziswa;
iziganeko zocwangciso zenziwa ngokoludwe lwexesha;
inkqubo yocwangciso inxulunyaniswa nemibandela yenene etshisayo kumasipala, yinkqubo yobuchule kwaye ejonge kuphumezo iimfuno zecandelo zocwangciso zanelisiwe.
Ukuqinisekisa ukuba izigqibo ngezicwangciso zoshishino, uhlahlo lwabiwo-mali nolawulo losetyenziso lomhlaba zidityaniswe kwaye zisekwe kwiIDP
Abahlali, amabutho asekuhlaleni nabanebango (uluntu ) kuqukwa neenkokheli zemveli
Ukuzisa ngaphambili izinto ezinomdla kwaye benze igalelo ngokunika ulwazi nezimvo kwinkqubo yocwangciso ngokwenza oku:
ukuthatha inxaxheba kwiQumrhu Lokumela le-IDP ukuba:
bazise amaqela anomdla, amabutho asekuhlaleni nemibutho ngemisetyenzana esemxholweni yocwangciso neziphumo zayo;
bahlalutye imibandela, bamise oondoqo babonisane baze benze isivumelwano;
bathathe inxaxheba ekuyileni izindululo zephulo kwaye bazihlole baxoxe kwaye benze amagqabantshintshi nge-IDP equlunqwayo;
baqinisekise ukuba izicwangciso zoshishino nohlahlo lwabiwo-mali zisekwe kwaye zidibene ne-IDP;
babeke esweni indlela ekusetyenzwa ngayo xa kuphunyezwa i-IDP.
ukuqhuba iintlanganiso neendibano zokufundisana namaqela, amabutho asekuhlaleni okanye imibutho ukulungiselela nokulandelela imisetyenzana yocwangciso esemxholweni.
QAPHELA: Eyona ndima yeenkokeli zemveli isafuna ukucaciswa ngakumbi. Iindima "zoluntu" kufuneka zibonwe njengethuba ngaphezu kokuba zibonwe njengoxanduva okanye umsebenzi.
Umasipala weSithili
B. Iindima zolungelelaniso zoomasipala bengingqi:
ukuqinisekisa ulungelelaniso oluthe tyaba lwee-IDP zoomasipala kummandla webhunga lesithili;
ukuqinisekisa ulungelelaniso oluthe nkqo phakathi kocwangciso lwesithili nolwengingqi;
ukuncedisa kulungelelaniso oluthe nkqo lwee-IDP kunye nezinye izigaba zikarhulumente namacandelo amasebe;
ulungiselelo lweendibano zokufundisana ezidibeneyo ezingeendlela zobuchule noomasipala bengingqi, abadlali-ndima bephondo nabakazwelonke kunye neengcali kwiingongoma eziza kufundwa.
Urhulumente wePhondo
Amacandelo aMasebe naBaniki-nkonzo beQumrhu
Ukuqinisekisa ulungelelaniso oluthe nkqo/lwecandelo phakathi kwamacandelo amasebe/kwezicwangciso zeendlela zobuchule zephondo nenkqubo ye-IDP kwinqanaba lengingqi/lesithili ngokwenza oku:
ukukhokela uthatho-nxaxheba lwamacandelo amasebe kwanegalelo labo elifunekayo kwinkqubo yocwangciso kamasipala;
Ukubeka esweni inkqubela yeenkqubo ze-IDP
Abaniki benkxaso/ Iincutshe zocwangciso
Ukwenza igalelo lolwazi olusemxholweni kumacandelo amasebe ephondo kwizicwangciso, kudweliso lweenkqubo, kuhlahlo lwabiwo-mali, kwiinjongo, kwiindlela zobuchule nakumaphulo ngendlela efikelelekayo.
Ukwenza igalelo lobuncutshe becandelo nelolwazi lobungcali ekwakhiweni kweendlela zobuchule namaphulo kamasipala.
Ukuba kwinkqubo yolungelelwaniso noomasipala besithili.
Ukuthatha inxaxheba kumxokelelwano wephondo wolawulo lolungelelaniso.
Nabaphi abaniki bangaphandle beenkonzo ezinxulumene nocwangciso kufuneka kuboniswane nabo kuphela ngemisebenzi apho kungekho bantu bangaphakathi abanokuyenza loo misebenzi.
Naxa kusenokubakho iindidi ezahlukeneyo zabaniki beenkonzo ezizodwa, zihamba zihambe zidibane ezi nkonzo. Ngoko ke iindima asizahluli ngokwabaniki-nkonzo.
Abaniki -nkonzo bangaphandle bangasetyenziselwa oku:
ukuququzelela iindibano zokufundisana zocwangciso ukubhala phantsi iziphumo zemiseteynzana yocwangciso izifundo ezizodwa okanye amanye amagalelo anxulumene nemveliso;
inkxaso kumaqela okanye kumabutho asekuhlaleni acwangcileyo nangacwangcanga asebenze kwaye abe negalelo kwinkqubo yocwangciso;
ukuqinisekisa ukuba i-IDP ilungelelaniswe nohlahlo lwabiwo-mali lwesebe lephondo nelikazwelonke
Iincutshe zocwangciso isenokuba ngabacwangcisi bedolophu nabommandla, abacwangcisi bophuhliso okanye ezinye iincutshe ezibandakanyeka kucwangciso lophuhliso nolwendawo.
ULWABIWO OLUCETYWAYO LWEENDIMA NOXANDUVA KUMASIPALA
Ibhunga likamasipala
Njengeqela lokugqibela likamasipala lopolitiko elenza izigqibo, Umasipala weBhunga kufuneka enze oku:
Aqwalasele kwaye amkele iSicwangciso seNkqubo
Aqwalasele, amkele kwaye avume i-IDP.
IIkomiti Elawulayo okanye USodolophu olawulayo okanye iKomiti yooCeba Abonyuliweyo
Njengeqela eliphezulu eliphetheyo likamasipala kufuneka benze oku:
Ukuthatha izigqibo ngeSicwangciso senkqubo
Babe noxanduva lolawulo lonke, ulungelelaniso nokubeka esweni kwenkqubo noqulunqo lwe-IDP, okanye lo msebenzi bawuthume uMlawuli kaMasipala.
Ukuvuma abantu abonyuliweyo ukuba baphathe kwiindima ezahlukeneyo, kwimisetyenzana nakuxanduva lwenkqubo noqulunqo.
Ooceba beWadi
Ooceba bayintambo yonxibelelwano ephambili phakathi korhulumenete kamasipala nabahlali. Indima yabo ke yile:
Kukudibanisa inkqubo yocwangciso kumaziko onyulo okanye kwiiwadi zabo.
Ukuqinisekisa ukuba izicwangciso zoshishino zonyaka nohlahlo lwabiwo-mali lukamasipala zidibene kwaye zisekwe kwi-IDP.
Umlawuli kaMasipala okanye igosa eliphezulu elinikwe umsebenzi woMlawuli we-IDP endaweni yakhe kufuneka lilawule kwaye lilungelelanise inkqubo ye-IDP. Oku kuquka:
Ukulungiselela iSicwangciso seNkqubo;
Ukuwenza wonke umsebenzi wolawulo nowolungelelaniso lwenkqubo yocwangciso
Ukuqinisekisa ukuba bonke abadlali abasemxholweni babandakanywa ngokufanelekileyo,
Ukonyula abantu amabaphathe iindima ezahlukeneyo;
Ukuba noxanduva lwemihla ngemihla lolawulo lwenkqubo yoqulunqo;
Ukuqinisekisa ukuba inkqubo yocwangciso yeyothatho-nxaxheba, ingendlela yobuchule ejonge kuphumezo kwaye ilungelelanisiwe kwaye iyazanelisa iimfuno zocwangciso zeqela;
Ukuphendula kumagqabantshintshi enziwe kwi-IDP esaqulunqwayo, avela kuwonke-wonke, kulungelelaniso oluthe tyaba nezinye izigaba zikarhulumente lide ibhunga likamasipala laneliseke;
Nokuba uMlawuli kamasipala uyithuma eminye yale misebenzi uMlawuli we-IDP endaweni yakhe, usenoxanduva kwaye nguye oza kuyimela into ayenzayo.
Iintloko zaMasebe naMagosa
Njengabantu abaphetheyo ekuphunyezweni kwee-IDP,amagosa aziingcali/amacandelo kufuneka abandakanyeke ngokupheleleyo kwinkqubo yocwangciso:
ukunika ulwazi lokuhlalutya olusemxholweni olobungcali, olwecandelo nolwezemali ukuze kumiselwe imibandela engundoqo;
ukwenza igalelo lobuncutshe kubungcali kuqwalaselo nasekuququmbeleni iindlela zobuchule nokuchongwa kwamaphulo;
ukunika ulwazi lwesebe lokusebenza nolohlahlo lwabiwo-mali;
ukuba noxanduva lolungiselelo lwezindululo zamaphulo, ukuhlanganiswa kwamaphulo nodweliso lweenkqubo zamacandelo;
ukuba noxanduva lokulungiselela izilungiso z-IDP equlunqwayo ukuze ingeniswe kwibhunga likamasipala ukuba ivunywe, ize iye nakwiLungu leSigqeba soLawulo soRhulumente weNgingqi ukuba ilungelelaniswe.
Izicwangciso zeNkqubo Amalungiselelo ombutho 3. AMALUNGISELELO OMBUTHO
Isakhelo
Oomasipala kuya kudingeka ukuba baseke isethi yamalungiselelo ombutho:
ukuyenza ibe yeyeziko inkqubo yothatho-nxaxheba;
ukuzilawula ngokuchanekileyo iimveliso zoqulunqo ukunika amaqela achaphazelekayo imvume yokwenza igalelo kwinkqubo yokuthatha izigqibo.
Inani lamaqumrhu nokwakhiwa okanye izikhundla zingohluka phakathi kwezintlu ezahlukeneyo neentlobo zoomasipala ukulungela imithombo ekhoyo yoluntu neyeziko, kodwa amalungiselelo ayacetyiswa ebuncinaneni kwaye asekwe kule mithetho-siseko ilandelayo:
Uthatho-nxaxheba lukawonke-wonke kufuneka lwenziwe olweziko ukuqinisekisa ukuba bonke abahlali banelungelo elilinganayo lokuthatha inxaxheba;
Uthatho-nxaxheba olwakhiweyo kufuneka luxele ukuba ngubani oza kuthatha inxaxheba, endaweni kabani, kweyiphi imibandela, ngeziphi iindlela zombutho kwaye kangakanani.
Oomasipala kufuneka baqwalasele amalungiselelo akhoyo, bawasebenzise bawalungise ukuba kuyafuneka baze banqande nokuphindwa kweendlela. Umzekelo, ukuba bamkele indlela yokwenza yekomiti yewadi, basenokuthanda ukusebenzisa eli qumrhu kwaye baya kudinga nje ukuqinisekisa ukuba abanebango namaqela ezentlalo amelwe/ anabameli.
Aba bantu okanye amaqumrhu alandelayo ayacetyiswa :
Amaqela Amaphulo Omsebenzi
La malungiselelo acetyiswayo aya kusebenza njengesikhokelo kuninzi loomasipala besithili nabengingqi. Umlawuli weIDP, Ikomiti ephetheyo yeIDP neQumrhu Lokumela leIDP ngamaqumrhu afunwa kuyo yonke inkqubo yeIDP kwaye kufuneka asekwe ekuqaleni, ngoko ke aza kwaziswa kule Ncwadana esisikhokelo.
Amaqela Amaphulo Omsebenzi aya kuba ngamaqela amancinci okusebenza enziwe ngamacandelo amasebe kamasipala asemxholweni nabantu abaziingcali, abadlali ababandakanyeka kulawulo lophumezo kwaye apho kufanelekileyo abanebango kwibutho lasekuhlaleni abachatshazelwa ngqo liphulo. Amaqela Amaphulo Omsebenzi aya kufunwa ekuqaleni kwesigaba 3 kwaye ayakwazisa apho ngakumbi ( Umsetyenzana woCwangciso 3.1)
Onke amalungiselelo acetyiswe ngasentla makagcinwe ngexesha lenqanaba lophumezo lwe-IDP njengamaqela aphetheyo ekulungelelaniseni nasekuqhubeni inkqubo yophumezo.
A IMISETYENZANA NEEMVELISO ZOLUNGISELELO
Iimveliso ezifunekayo
Uhlobo lwamalungiselelo /amaqumrhu amakasekwe
Imigqaliselo ecacileyo ekubhekiswa kuyo kumalungiselelo /kwiqumrhu ngalinye.
Iinqobo zokukhetha
Uluhlu lwabantu abavumileyo okanye imibutho emayimelwe
Ingqokelela yemithetho yokuziphatha.
Amalungu akhethiweyo aziqhelileyo iindima.
Iinkqubo ecetyiweyo
Ikomiti elawulayo, okanye uSodolophu Olawulayo,okanye iKomiti yooCeba ngokucebisana kwaye nangenkxaso yoMlawuli kaMasipala kufuneka:
Ichonge kwaye inyule abantu abafenelekileyo kwiKomiti Ephetheyo ukuqinisekisa ukuba yonke imibandela esemxholweni (umzk. iLED, indawo yezemali zezindlu zikamasipala) ebuncinaneni banomntu omnye onoxanduva Ikomiti Ephetheyo ye-IDP esandula kusekwa kufuneka ibe noxanduva lokusekwa kweQumrhu Lokumela le-IDP ngokwenza oku:
Ngokuchaza imigqaliselo ekubhekiswa kuyo neenqobo zokukhetha amalungu eQumrhu Lokumela leIDP;
Ngokwazisa uwonke-wonke (umzk. umbandela wobhengezo) ngokusekwa kweQumrhu Lokumela le-IDP kwaye licela ukungeniswa kwezicelo ezivela kwabanebango nakumaqela ebutho lasekuhleleni ezixela iinjongo ezinkulu, iinjongo, imisetyenzana, inani lamalungu nomgaqo-siseko;
Ngokuchonga abanye abanebango namaqela angeyomibutho nangamelwanga anokudinga 'igqwetha' elimele izinto abanomdla kuzo, ababonisa ukuba ngamagqwetha abantu abayimithombo yobutyebi amagosa aphezulu
Ngokonyula amaqela/amalungu abonisa izakhono kusekwe oku kwiinqobo zokukhetha;
Ngokungenisa amaqela acetyiweyo namalungu kwibhunga ukuze liwaqwalasele;
Ngokukhetha amalungu kwaye kuxelelwe ibutho lasekuhlaleni lengingqi.
Ukuba uMlawuli kaMasipala akangoMlawuli we-IDP kufuneka uMlawuli kaMasipala athathe izigqibo :
ngamagunya nemisebenzi emayinikwe abanye abantu;
ngoxanduva olushiyeka kuMlawuli kaMasipala/ nokuyimela into;
ngeendlela zokunika ingxelo.
mayiseke iikomiti ezincinci (ukuba kukho imfuneko) kwaye ithathe izigqibo ngobudlelwane/ngeendlela zokunika iingxelo;
IKOMITI ELAWULAYO/USODOLOPHU OLAWULAYO/IKOMITI YOOCEBA
Ikomiti elawulayo okanye usodolophu olawulayo kamasipala okanye ukuba umasipala akanayo ikomiti elawulayo okanye usodolophu olawulayo , ikomiti yooceba ekhethwe libhunga likamasipala mayenze oku:
ilawule uqulunqo;
inikezele uxanduva ngokubhekiselele koku kumlawuli kamasipala;
ingenise isicwangciso esiqulunqwayo kwibhunga likamasipala ukuba samkelwe.
La ngamaqumrhu asele esekiwe kwaye nafunwayo nguMtheho waMaqumrhu kaMasipala akufunwa amaqumrhu kamasipala angamanye kwi-IDP.
Umlawuli kaMasipala okanye uMlawuli we-IDP endaweni yakhe ngumntu onoxanduva lokuvakalisa inkqubo yoCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo. Ukonyulwa komntu ofanelekileyo kubalulekile ukuze i-IDP iphumelele kwaye kufuneka loo nto yenziwe njengenqanaba lokuqala elijongise ekulungiseleleni iSicwangciso seNkqubo njengokuba uMlawuli we-IDP engumntu okwanoxanduva lokuyila iSicwangciso seNkqubo.
Umlawuli we-IDP kufuneka ibe ngumntu ozinikeleyo kwaye onegunya elifunekayo lokubandakanya bonke abadlali-ndima abasemxholweni.
Unoxanduva lolungiselelo lwesicwangciso seNkqubo
Unoxanduva lolawulo lwemihala ngemihala lwenkqubo yocwangciso kuthathelwa ingqalelo ixesha, imithombo yobutyebi, abantu kuqinisekiswa:
ukubandakanyeka kwabo bonke abadlali-ndima abahlukeneyo , ingakumbi amagosa;
ukuba amaxesha amisiweyo ayagcinwa;
ukuba inkqubo yocwangciso ilungelelaniswe ngokuthe tyaba nangokuthe nkqo kwaye iyazithobela iimfuno zephondo nezikazwelonke;
ukuba iimeko zothatho-nxaxheba zinikiwe;
ukuba iziphumo zibhalwa phantsi.
Ukulawulwa kwabacebisi.
Ikomiti ephetheyo kufuneka ibe yikomiti esebenzayo yeeNtloko zaMasebe ezizinikezeleyo namagosa aphezulu axhasa uMlawuli we-IDP kwaye aqinisekisa nenkqubo yocwangciso engenamagingxi-gingxi. Umlawuli we-IDP unoxanduva lwenkqubo kodwa uya kumana enikela eminye imisebenzi kumalungu eKomiti Ephetheyo. Koomasipala apho kukho ooceba abasezikhundleni ezisemxholweni abafuna ukuba yinxalenye yeKomiti ephetheyo ye-IDP, kufuneka bafakwe. Kule meko kufuneka kuqwalaselwe iprothokholi efanelekileyo.
Inika imigqaliselo ekubhekiswa kuyo ngemisetyenzana eyahlukeneyo yocwangciso
Igunyazisa izifundo zophando
Iqwalasela kwaye yenze amagqabantshintshi:
ngamagalelo avela kwiikomiti ezincinci, amaqela okufunda nabacebisi amagalelo avela kumacandelo amasebe nakubaniki benkxaso
Ilungisa, ishwankathele kwaye ibhale phantsi iimveliso
Yenza iingcebiso ngeziqulatho
Ilungiselela, incedise kwaye ibhale phantsi iintlanganiso
Usihlalo
Oonobhala bequmrhu:
Ligosa lakwaMasipala
Isakhiwo sekomiti
Ziintloko zaMasebe okanye Amagosa Aphezulu
Unondyebo
Qaphela
Ikomiti Ephetheyo yeIDP ingaseka iikomiti ezincinci zemisetyenzana eyodwa kwaneemveliso,ezi komiti zimele ziquke nabanye abantu abangekho kwiKomiti Ephetheyo.
Igosa likamasipala kufuneka lonyulwe lilungiselele lincedise libhale phantsi iintlanganiso. Umsebenzi kufuneka ube luxanduva loMcwangcisi kaMasipala okanye igosa elifana naye.
Ukuze zicwangciseke iindibano zokufundisana, ukuhanjiswa kolwazi nokukhutshwa kwezimemo kufuneka kuxhaswe ngumphathi.
Iqumrhu Lokumela leIDP liqumrhu elenza ngokobuziko kwaye liqinisekisa ukuthathwa kwenxaxheba ngabameli kwinkqubo ye-IDP.Ukukhethwa kwamalungu ukuba abe kwiqumrhu Lokumela le-IDP kufuneka kusekwe kwiinqobo eziqinisekisa ukumela ngokwezelizwe nangokwezentlalo.
Imigqaliselo ecetyiweyo ekubhekiswa kuyo liQumrhu Lokumela le-IDP
Ukunika indlela yombutho yengxoxo, yothethathethwano neyokuthatha izigqibo phakathi kwabanebango kuqukwa norhulumente kamasipala.
Ukuqinisekisa unxibelelwano phakathi kwabo bonke abameli abanebango kuqukwa norhulumente kamasipala
Ukubeka esweni indlela esebenza ngayo inkqubo yocwangciso neyophumezo
Isakhiwo esicetyiweyo seQumrhu Lokumela le-IDP
Usihlalo:
Lilungu leKomiti elawulayo okanye uSodolophu Olawulayo okanye ilungu leKomiti yooCeba Abonyuliweyo
Oonobhala bequmrhu
Isakhiwo sequmrhu
Amalungu eKomiti Elawulayo
Ooceba (kuqukwa ooCeba abangamalungu eBhunga lesithili kunye nooceba abasemxholweni)
Iinkokeli zemveli
Iintloko zaMasebe/ Amagosa aphezulu
Abameli/amagqwetha amaqela angeyomibutho
Abantu abayimithombo
Qaphela
Ingqokelela yemithetho yokuziphatha kufuneka yenze imimiselo yemibandela enjengale:
uludwe lwenkqubo yeentlanganiso (ukubakho kwazo nobukho babantu kuzo)
i-ajenda, ukuncedisa nokubhalwa phantsi kweentlanganiso ukuyiqonda kwamalungu indima yawo njengabameli bamaqela okuvota abo ingxelo ebuyayo eya kumaqela ovoto uninzi olufunwayo xa kuvunywa ukusombulula iingxwaba-ngxwaba
Oomasipala beSithili: Amalungiselelo Ombutho
Isakhiwo seQumrhu leSithili likaMasipala Lokumela kufuneka liquke bonke ooCeba booMasipala besithili kwaye kuqinisekiswe nabameli ngokwezelizwe, kuqukwa abanebango ababanzi besithili nabameli besithili bemibandela ebanzi.
ISAZOBE 3: AMALUNGISELELO OMBUTHO ACETYWAYO
Ibhunga
Ikomiti elawulayo okanye uSodolophu
Olawulayo okanye ooCeba Abonyuliweyo
Umlawuli kaMasipala
Iqela lePhulo loMsebenzi Amaqumrhu Abanebango Ikomiti yeWadi
Izicwangciso zeNkqubo Iindlela nemigaqo 4. IINDLELA NEMIGAQO
nabanebango
Isakhelo
Olunye lweempawu eziphambili ngenkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo kukubandakanyeka kwebutho lasekuhlaleni nemibutho yabanebango kwinkqubo.Uthatho-nxaxheba lwamaqela abandakanyekayo nanomdla ukuqinisekisa ukuba i-IDP ihoya imibandela eyinene eviwa ngabahlali bakamasipala. Icandelo 3 ngasentla lithetha ngawona malungiselelo ombutho mancinci ekudingeka ukuba asekwe ukuqinisekisa uthatho-nxaxheba olufanelekileyo. Eli candelo liya kuhlabela mgama linike isikhokelo ngento umasipala ngamnye ekudingeka ukuba ayiqwalasele xa ephuhlisa indlela yobuchule yothatho-nxaxheba lukawonke-wonke kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Ukuze kufunyanwe olunye ulwazi olungesakhelo sasemthethweni nomgaqo-nkqubo ngothatho-nxaxheba lukawonke-wonke nabanebango kwimicimbi karhulumente wengingqi, oomasipala bamele babhekise kwiNcwadana esisikhokelo1 " Imigaqo esisikhokelo ye-IDP ngokubanzi". Incwadana esisikhokelo IV ("Izixhobo") inika izixhobo ezahlukeneyo neendlela zokuthatha inxaxheba.
A IMISETYENZANA NEEMVELISO ZOLUNGISELELO
Iimveliso ezifunekayo
Inkqubo ecetyiweyo
Isindululo singeniswa kwibhunga ukuba siqwalaselwe sivunywe.
Xa indlela yobuchule ivunyiwe libhunga, iKomiti ephetheyo ye-IDP iyayibonisa le ndlela yobuchule kwintlanganiso yokuqala yeQumrhu le-IDP Lokumela .
B IMIGAQO ESISIKHOKELO YESIQULATHO
Isiqulatho esicetyiweyo
Indlela yobuchule yothatho-nxaxheba kufuneka iqulathe isigqibo ngemibandela enjengale:
Iindima zabadlali-ndima abohlukeneyo ngexesha lenkqubo yothatho-nxaxheba (umzk.ooceba, iKomiti Ephetheyo yeIDP, iQumrhu le-IDP Lokumela, amanye amagosa, abacebisi njalo njalo)
Iindlela zokukhuthaza ukumelwa kwamaqela angenamibutho
Imithombo yobutyebi ekhoyo yothatho-nxaxheba
Ukuphinda-phinda kweentlnganiso/iindibano zokufundisana
Indawo efanelekileyo yeentlanganiso/yeendibano zokufundisana
Iindlela zokuhambisa ulwazi
Iindlela zokufumana nezokuqokelela izidingo zebutho lasekuhlaleni ( kuqukwa nokubhalwa phantsi kwamagalelo othatho-nxaxheba).
C IMIBANDELA EMAYIQWALASELWE XA KUPHUHLISWA INDLELA YOBUCHULE YOTHATHO-NXAXHEBA LUKAWONKE-WONKE
Xa kuyilwa indlela yobuchule yothatho-nxaxheba, umasipala kufuneka athathele ingqalelo le mibandela ilandelayo:
Ibhunga elonyuliweyo lelona qumrhu lokugqibela lokuthatha izigqibo ngee-IDP. Indima yedemokhrasi engothatho-nxaxheba kukwazisa abanebango kwaye kuthethwane nabo ngemibandela. Kwakhona inika abanebango ithuba lokwenza igalelo ngezigqibo ezithathwe libhunga.
Ukuze kuqinisekiswe uthatho nxaxheba lukawonke-wonke, uwiso mthetho lufuna oomasipala badale iimeko ezifanelekileyo eziya kuvumela uthatho-nxaxheba. Yeyona mfuno incinci , kodwa ke ayanelanga. Oomasipala bakwanalo noxanduva lokukhuthaza ibutho lasekuhlaleni namaqela abanebango ukuba babandakanyeke. Kufuneka oku kwenziwe ingakumbi ngokubhekiselele kumaqela ahlelelekileyo okanye angananzwanga ngokuhambiselana neemeko nezikhundla kumasipala
Uthatho-nxaxheba olwakhiweyo: Uninzi loomasipala abatsha bakhulu ngokwemigqaliselo yobungakanani babantu nommandla ukuba bavumele uthatho-nxaxheba ngqo loninzi lwabahlali kwinkqubo yocwangciso exandileyo. Uthatho-nxaxheba kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo, ke ngoko ludinga imithetho ecacileyo nemigaqo exela ukuba:
Ngubani omakathathe inxaxheba
Ngubani ongazi kuthatha inxaxheba ngqo, kodwa kuza kuboniswana naye ngemibandela ethile (umzk. oomasipala abayameneyo)
Kukweyiphi imibandela apho kufuneka uthatho-nxaxheba ngqo okanye ukubonisana.
Ukungafani: Indlela uthatho-nxaxheba lukawonkw-wonke olwakhiwe ngayo,kufuneka luvumele ukungafani kummandla kamsipala ngokwemigqaliselo yoku:
Iinkcubeko ezahlukeneyo
Isini
Ulwimi
Amanqanaba emfundo
Iindleko zothatho-nxaxheba zingagcinwa zikwinqanaba elamkelekileyo ukuba abathathi-nxaxheba abanako benziwe bayiqaphela into yokuba ngumdla wabo ukubandakanyeka kwinkqubo yocwangciso kwaye ayingomsebenzi abaza kuwuhlawulelwa.
Ekuphuhliseni indlela yobuchule yothatho-nxaxheba, umasipala kufuneka aqinisekise ukuba kudalwe iimeko ezivumayo zothatho-nxaxheba lukawonke-wonke olufanelekileyo nolunempumelelo. Nantsi eminye imibandela emele ukuqwalaselwa:
Ukwazisa Amabutho asekuhlaleni nabanebango:
Abahlali nabanebango kufuneka baziswe ngenjongo zikamasipala zokuqalisa inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Ekwenzeni oko, umasipala kufuneka aqinisekise ukuba amajelo afanelekileyo eendaba (umzk. izitishi zikanomathotholo zebutho lasekuhlaleni, amaphetshana anika ulwazi phakathi kwee-akhawunti zakwamasipala njalo njalo) ayasetyenziswa ukuze kufikelelwe kubantu abaninzi kangangoko.Akufunekanga kubekho abanebango abazivela bengakhathalelwanga okanye bengabalulekanga. Ekukhetheni ijelo elifanelekileyo leendaba, oomasipala kufuneka bayiqwalasele indleko yokusebenzisa ezo ndlela.Umzekelo, kungayindleko enkulu ukufaka isibhengezo kwiphephandaba, ngoko ke le ndlela asinakuthi kulula ukuyisebenzisa.
Enye indlela yokwazisa amabutho asekuhlaleni kukusebenzisa ooceba. Ooceba kufuneka bazise abantu kwiiwadi zabo ngeentlanganiso zikawonke-wonke ezikwinqanaba lewadi.
Onke amaqela achaphazelekayo nanomdla makamenywe athathe inxaxheba:
Yonke imibutho esemxholweni yebutho lasekuhlaleni neyabanebango kufuneka imenywe ibhalise njengamalungu equmrhu le-IDP Lokumela. Umasipala kufuneka agcine isiseko-nkcazelo saloo maqela asenokungathathi nxaxheba njengamalungu equmrhu Lokumelal kodwa ekuya kufuneka kuboniswane nawo kumanqanaba amaninzi enkqubo.
Ukusetyenziswa kolwimi olufanelekileyo:
Ukusetyenziswa kolwimi olufanelekileyo kubalulekile ukuvumela bonke abanebango ukuba bathathe inxaxheba ngokukhululekileyo. Ikomiti ephetheyo yeIDP kufuneka isiqwalsele isidingo sokuchonga itoliki ukulungiselela iimeko apho abanye abathathi nxaxheba bangolonwabelanga ulwimi oluthile.
Ukukhetha indawo eyiyo:
Indawo apho imicimbi enowonke-wonke iqhutyelwa khona yiyo eya kumisa ukuba bangakanani na abantu abezayo. Kubalulekile ukuba indawo ekhethwayo ibe yefikelelekayo kubo bonke abanebango umzk. kufuneka ifikeleleke ngezithuthi zikawonke-wonke ukuze abo bathathi nxaxheba bangenazithuthi zabo bafike.
Ukukhetha ixesha elilungele iintlanganiso:
Amaxesha ekuqhutywa ngawo iintlanganiso zeQumrhu le-IDP Lokumela kufuneka alulungele uninzi lwamalungu. Ikomiti ephetheyo ye-IDP kufuneka ibeke elona xesha lokuqhuba intlanganiso lilungele uninzi lwamalungu.Iimpelaveki nazo zingaqwalaselwa.
Izixhaso ezifanelekileyo:
Ukuba iqumrhu le-IDP lineentlanganiso ezinde ezingafuna izilungiselelo zezixhaso, kufuneka kuqwalaselwe iimfuno zabathathi nxaxheba abahlukeneyo umzk. ihalaal, isidlo semifuno njalo njalo.
Abameli mabakhuthazwe baye kunika ingxelo kwimibutho yabo:
Ukunika ithuba elihle lothatho-nxaxheba olusesikweni lwabameli, abameli bebutho lasekuhlaleni nabo banebango kufuneka banikwe ixesha elaneleyo (2-4 iiveki) ukuqhuba iintlanganiso okanye iindibano zokufundisana namaqela,amabutho asekuhlaleni okanye imibutho abayimeleyo,phambi kokuba umbandela kuxoxwe ngawo liQumrhu le-IDP Lokumela. Kufuneka oku kuthathelwe ingqalelo xa kusenziwa udweliso lwenkqubo naxa kumiswa ixesha. Imfuno yokuba abameli banike ingxelo kwabo babameleyo ngesiphumo seentlanganiso/seendibano zokufundisana zeQumrhu le-IDP Lokumela, kufuneka iqukwe kwingqokelela yemithetho yokuziphatha yeQumrhu.
Ithuba labanebango lokwenza amagqabantshintshi ngamaxwebhu aqulunqwayo:
Amaxwebhu ocwangciso aqulunqwayo kufuneka afikelele kuwo onke amabutho asekuhlaleni nabanebango. Kufuneka kubekho ixesha leeveki ezintathu ubuncinane leekomiti zewadi, imibutho yabanebango namaqela anomdla nabahlali ukuze kuxoxwe phandle ngoxwebhu oluqulunqwayo kwaye kwenziwe namagqabantshintshi ngalo phambi kokuba iQumrhu le-IDP Lokumela lilugqibe uxwebhu oluqulunqwayo. Oku kumiswa kwexesha kufuneka kulungiselelwe kudweliso lwenkqubo.
Ukuvunywa kweentlanganiso zebhunga
Uxwebhu lweIDP malufumaneke kubo bonke abanebango:
Iikopi ze-IDP egqityiweyo kufuneka zifumasneke kuwo onke amabutho asekuhlaleni nabanebango. Kusenokuba luncedo nokushwankathela iimveliso eziphambili zesicwangciso, umzk. umbono kamasipala, iinjongo njalo najlo kwiilwimi ngeelwimi ezisemxholweni kuloo mmamdla kamasipala.
Urhulumente kamasipala, esebenza neekomiti ze-IDP
ISIHLOMELO 1
ISIGABA 1: UCALULO/UHLALUTYO Ixesha
Iiveki
Umsetyenzana woCwangciso 1/1-1/10 12
/1Ukuqokelelwa kolwazi 2
/2Ucalulo lwebutho lasekuhlaleni nabanebango 4
/3 Ukuvumelelanisa 5
/4-1/6 Ucalulo lukaMasipala 4
/7 Imibandela enguNdoqo 1
/8- 1/9 Ucalulo olunzulu 4
/10 Ukudityaniswa kweziphumo zocalulo 1
ISIGABA 2: IINDLELA ZOBUCHULE
Umsetyenzana woCwangciso 2/1-2/10 8
/1-2/2 Imibono neenjongo 1
/3 Imigaqo esisikhokelo eyenzelwe ingingqi 1
/4 Ingcaciso yezakhelo zemithombo yobutyebi 2
/5 Ukuyila ezinye iindlela zobuchule 4
/6 Ingxoxo-mpikiswano kawonke-wonke engezinye iindlela 4
/7 Iindibano zokufundisana zenqanaba lesithili zendlela yobuchule 4
/8-2/9 Ukucalula nokuthatha izigqibo 4
/10 Izigqibo zengingqi 2
ISIGABA 3: AMAPHULO/IIPROJEKTHI
Umsetyenzana woCwangciso 3/1-3/9 7
/1 Ukwakha Amaqela Amaphulo Omsebenzi 2
/2 Ukwabiwa kokuqala lohlahlo-lwabiwo mali 2
/3 Ukuyila izindululo zamaphulo 5
/4 Uthatho-nxaxheba lweqela ekubhekiswe kulo 5
/5 Amahlakani amaphulo 5
/6-3/9 Izigqibo zobuchwepheshe zamaphulo 5
ISIGABA 4: UHLANGANISO
Umsetyenzana woCwangciso 4/1-4/14 5
/1 ukuhluza & Umboniso wokuqala 2
ISIGABA 5: UKUVUNYWA
Umsetyenzana woCwangciso 5/1-5/6 5
/4 Ukufakela/ukuphendula 2
/5 Ulwamkelo lokugqibela libhunga 1
/6 Izishwankathelo zenqanaba lesithili 2
ULUNGISELELO - ISIHLOMELO 1
ISIHLOMELO 2
ISIGABA 1: UCALULO/UHLALUTYO
Isigaba socalulo kufuneka sithathe ngokwe-avareji iinyanga ezi-3 sigqitywe. Yonke imisetyenzana yoCwangciso kufuneka icwangciswe ngohlobo lokuba yenzeke ngeli xesha.
ULUNGISELELO - ISIHLOMELO 2
Isigaba 1: Ucalulo
Umsetyenzana wocwangciso
/1: Ukuqokelelwa kolwazi olukhoyo
/2:Ucalulo kwnqanaba lebutho lasekuhlaleni nabanebango
/3: Ukuvumelelanisa ulwazi olukhoyo nocalulo lwebutho lasekuhlaleni nabanebango
/4: Ucalulo olubanzi lukamasipala
/5: Ucalulo lwendawo
/7: Ukuchongwa kwemibandela engundoqo kamasipala
/8: Ucalulo olunzulu lwemibandela engundoqo:
Imigaqo esisikhokelo ngokubanzi
/9: Ucalulo olunzulu lwemibandela engundoqo:
Imigaqo esisikhokelo yecandelo
/10: Ukudityaniswa kocalulo lweziphumo yemibandela engundoqo
Umsebenzi
Umntu onoxanduva
Uludwe lwexesha
Abathathi nxaxheba
Imithombo yobutyebi efunekayo neendleko
Isigaba seendlela zobuchule kufuneka ngokwe-avareji sithathe iinyanga ezi-2 sigqitywe. Umsetyenzana woCwangciso kufuneka ucwangciswe ngohlobo lokuba wenzeke ngeli xesha.
Umsetyenzana wocwangciso
II/3: Imigaqo esisikhokelo yeendlela zobuchule
II/4: Ukucacisa iSakhelo semithombo yobutyebi
II/5:Ukuyila ezinye iindlela zobuchule
II/6: Ukuququzelela iindibano zokufundisana zendlela yobuchule kwinqanaba leSithili
II/7: Ukuyila iimeko zengxoxo-mpikiswano ezingezinye iindlela
II/10: Ukuyila indlela yobuchule: Imigaqo esisikhokelo eyodwa yecandelo
/11: Ukuyila indlela yobuchule: Imizekelo
Umsebenzi
Umntu onoxanduva
Uludwe lwexesha
Abathathi nxaxheba
Imithombo yobutyebi efunekayo neendleko
ULUNGISELELO: ISIHLOMELO 2
Isigaba samaphulo kufuneka ngokwe-avareji sithathe iinyanga ezi-2 sigqitywe. Imisetyenzana yoCwangciso kufuneka icwangciswe ngohlobo lokuba yenzeke ngeli xesha.
Umsetyenzana wocwangciso
III/1:Ukwakha amaqela okwakha amaphulo omsebenzi
III/2: Ukuseka Ukwabiwa kokuqala kohlahlo lwabiwo-mali
III/6:Imigaqo esisikhokelo eyodwa yecandelo
III/8: Iimveliso zamaphulo/ekujoliswe kuko/ iindawo
III/9:Imisetyenzana emikhulu/Ixesha/Amashishini anoxanduva
Umsebenzi
Umntu onoxanduva
Uludwe lwexesha
Abathathi nxaxheba
Imithombo yobutyebi efunekayo neendleko
Isigaba sohlanganiso kufuneka ngokwe-avareji sithathe iiveki ezi-6 sigqitywe. Imisetyenzana yoCwangciso kufuneka icwangciswe ngohlobo lokuba yenzeke ngeli xesha.
Umsetyenzana wocwangciso
IV/1: Ukuhluzwa kwezindululo zamaphulo aqulunqwayo
IV/2: Ukuhlanganiswa kwezindululo nodweliso lweenkqubo
IV/3: Ukuhlanganisa Udweliso lwenkqubo yecandelo
IV/7:Udweliso lwenkqubo yophuhliso loqoqosho lwengingqi oluhlangeneyo
IV/8:Udweliso lwenkqubo yoNcitshiso lobuhlwempu/yolingano ngokwesini
IV/9:Udweliso lwenkqubo yemeko-bume ehlangeneyo
IV/10:Udweliso lwenkqubo ehlangeneyo yeziko yoPhumezo loLawulo
IV/12: Udweliso lwenkqubo yophumezo oluhlangeneyo
Umsebenzi
Umntu onoxanduva
Uludwe lwexesha
Abathathi nxaxheba
Imithombo yobutyebi efunekayo neendleko
ULUNGISELELO: ISIHLOMELO 2
ISIGABA V: UKUVUNYWA
Isigaba sokuvunywa kufuneka ngokwe-avareji sithathe iiveki ezi-6 sigqitywe ukuze singeniswe kwiLungu leSigqeba soLawulo. Imisetyenzana yoCwangciso kufuneka icwangciswe ngohlobo lokuba yenzeke ngeli xesha.
Isigaba V: Ukuvunywa
Umsetyenzana wocwangciso
V/1: Ukunika ithuba lamagqabantshintshi avela kurhulumente wephondo/nokazwelonke
V/2:Indibano yokufundisana yenqanaba lesithili yolungelelaniso (lukamasipala) oluthe tyaba
V/3: Ukunika ithuba lamagqabantshintshi avela kuwonke-wonke
V/4:Ukufaka/ukuphendula amagqabantshintshi avela kuwonke-wonke, avela kwisithili nakwamanye amasebe ephondo nakazwelonke
V/5: ulwamkelo lokugqibela libhunga likamasipala
V/6: Izishwankathelo zenqanaba lesithili lee-IDP zengingqi
Umsebenzi
Umntu onoxanduva
Uludwe lwexesha
Abathathi nxaxheba
Imithombo yobutyebi efunekayo neendleko
ISIHLOMELO 3
ULUHLU LOWISO MTHETHO OLUBOPHELELAYO LUKAZWELONKE
Udidi lokufunekayo
Imfuno yecandelo
Olwesicwangciso senqanaba likamasipala
Isicwangciso soPhuhliso lweeNkonzo zaManzi;
Isicwangciso soThutho Oluhlangeneyo;
Isicwangciso soLawulo Oluhlangeneyo lweNkunkuma
Iinjongo zoPhuhliso loMhlaba (indawo yalo iza kuthathwa lucwangciso lwendawo njengemfuno emayifakwe njengenxalenye kwi-IDP).
Iindlela zobuchule zeendawo zokuhlala nokujoliswe kuko
Imibandela yolawulo lweendleko;
Iindlela zobuchule zophuhliso loqoqosho lwengingqi;
Ucwangciso oluhlangeneyo lwamaziko nezixhobo zokusebenza;
Ucwangciso oluhlangeneyo lwamandla;
Isakhelo sendawo
Imithetho-siseko yoMthetho woLawulo lweMeko-bume kaZwelonke
Imithetho-siseko yoMthetho woNcediso loPhuhliso;
Izicwangciso zoLawulo lwemeko-bume
Olwegalelo lokongeza ixabiso
IKOMITI ELAWULAYO/USODOLOPHU OLAWULAYO/IKOMITI YOOCEBA
Ikomiti elawulayo okanye usodolophu olawulayo kamasipala okanye ukuba umasipala akanayo ikomiti elawulayo okanye usodolophu olawulayo , ikomiti yooceba ekhethwe libhunga likamasipala mayenze oku: ilawule uqulunqo;
inikezele uxanduva ngokubhekiselele koku kumlawuli kamasipala;
ingenise isicwangciso esiqulunqwayo kwibhunga likamasipala ukuba samkelwe.
La ngamaqumrhu asele esekiwe kwaye nafunwayo nguMtheho waMaqumrhu kaMasipala akufunwa amaqumrhu kamasipala angamanye kwi-IDP.
Umlawuli kaMasipala okanye uMlawuli we-IDP endaweni yakhe ngumntu onoxanduva lokuvakalisa inkqubo yoCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo. Ukonyulwa komntu ofanelekileyo kubalulekile ukuze i-IDP iphumelele kwaye kufuneka loo nto yenziwe njengenqanaba lokuqala elijongise ekulungiseleleni iSicwangciso seNkqubo njengokuba uMlawuli we-IDP engumntu okwanoxanduva lokuyila iSicwangciso seNkqubo.
Umlawuli we-IDP kufuneka ibe ngumntu ozinikeleyo kwaye onegunya elifunekayo lokubandakanya bonke abadlali-ndima abasemxholweni.
Unoxanduva lolungiselelo lwesicwangciso seNkqubo
Unoxanduva lolawulo lwemihla ngemihla lwenkqubo yocwangciso kuthathelwa ingqalelo ixesha, imithombo yobutyebi, abantu kuqinisekiswa:
ukubandakanyeka kwabo bonke abadlali-ndima abahlukeneyo , ingakumbi amagosa;
ukuba amaxesha amisiweyo ayagcinwa;
ukuba inkqubo yocwangciso ilungelelaniswe ngokuthe tyaba nangokuthe nkqo kwaye iyazithobela iimfuno zephondo nezikazwelonke;
ukuba iimeko zothatho-nxaxheba zinikiwe;
ukuba iziphumo zibhalwa phantsi.
Ukulawulwa kwabacebisi.
Ikomiti ephetheyo Ikomiti ephetheyo kufuneka ibe yikomiti yobungcali esebenzayo yeeNtloko zaMasebe ezizinikezeleyo namagosa aphezulu axhasa uMlawuli we-IDP kwaye aqinisekisa ngenkqubo yocwangciso engenamagingxi-gingxi. Umlawuli we-IDP unoxanduva lwenkqubo kodwa uya kumana enikela eminye imisebenzi kumalungu eKomiti Ephetheyo. Koomasipala apho kukho ooceba abasezikhundleni ezisemxholweni abafuna ukuba yinxalenye yeKomiti Ephetheyo ye-IDP, kufuneka bafakwe. Kule meko kufuneka kuqwalaselwe iprothokholi efanelekileyo.
Inika imigqaliselo ekubhekiswa kuyo ngemisetyenzana eyahlukeneyo yocwangciso
Igunyazisa izifundo zophando
Iqwalasela kwaye yenze amagqabantshintshi:
ngamagalelo avela kwiikomiti ezincinci, amaqela okufunda nabacebisi amagalelo avela kumacandelo amasebe nakubaniki benkxaso
Ilungisa, ishwankathele kwaye ibhale phantsi iimveliso
Yenza iingcebiso ngeziqulatho
Ilungiselela, iququzele kwaye ibhale phantsi iintlanganiso
Usihlalo
Oonobhala bequmrhu:
Ligosa lakwaMasipala
Isakhiwo sekomiti
Ziintloko zaMasebe okanye Amagosa Aphezulu
Unondyebo
Qaphela
Ikomiti Ephetheyo ye-IDP ingaseka iikomiti ezincinci zemisetyenzana eyodwa kwaneemveliso, ezi komiti zimele ziquke nabanye abantu abangekho kwiKomiti Ephetheyo.
Igosa likamasipala kufuneka lonyulwe lilungiselele lincedise libhale phantsi iintlanganiso. Umsebenzi kufuneka ube luxanduva loMcwangcisi kaMasipala okanye igosa elifana naye.
Ukuze zicwangciseke iindibano zokufundisana, ukuhanjiswa kolwazi nokukhutshwa kwezimemo kufuneka kuxhaswe ngumphathi.
Iqumrhu Lokumela le-IDP liqumrhu elenza ngokobuziko kwaye liqinisekisa ukuthathwa kwenxaxheba ngabameli kwinkqubo ye-IDP.Ukukhethwa kwamalungu ukuba abe kwiqumrhu Lokumela le-IDP kufuneka kusekwe kwiinqobo eziqinisekisa ukumela ngokwezelizwe nangokwezentlalo.
Imigqaliselo ecetyiweyo ekubhekiswa kuyo liQumrhu Lokumela leIDP
Ukumela imidla yamaqela abo okuvota kwinkqubo y-eIDP
Ukunika indlela yombutho yengxoxo, yothethathethwano neyokuthatha izigqibo phakathi kwabanebango kuqukwa norhulumente kamasipala.
Ukuqinisekisa unxibelelwano phakathi kwabo bonke abameli abanebango kuqukwa norhulumente kamasipala
Ukubeka esweni indlela esebenza ngayo inkqubo yocwangciso neyophumezo
Isakhiwo esicetyiweyo seQumrhu Lokumela leIDP
Usihlalo:
Lilungu leKomiti elawulayo okanye uSodolophu olawulayo okanye ilungu leKomiti yooCeba Abonyuliweyo
Oonobhala bequmrhu
Isakhiwo sequmrhu
Amalungu eKomiti Elawulayo
Ooceba (kuqukwa ooCeba abangamalungu eBhunga lesithili kunye nooceba abasemxholweni)
Iinkokeli zemveli
Iintloko zaMasebe/ Amagosa aphezulu
Abameli abanebango amaqela emibutho
Abameli/amagqwetha amaqela angeyomibutho
Abantu abayimithombo yobutyebi
Qaphela
Imibandela ecetyiweyo emayiqwalaselwe kwiNgqokelela yeMithetho yokuziphatha yeQumrhu Lokumela le-IDP
Ingqokelela yemithetho yokuziphatha kufuneka yenze imimiselo yemibandela enjengale:
uludwe kwenkqubo yeentlanganiso (ukubakho kwazo nobukho babantu kuzo)
i-ajenda, ukuncedisa nokubhalwa phantsi kweentlanganiso ukuyiqonda kwamalungu indima yawo njengabameli bamaqela okuvota abo ingxelo ebuyayo eya kumaqela ovoto uninzi olufunwayo xa kuvunywa ukusombulula iingxwaba-ngxwaba
Oomasipala beSithili: Amalungiselelo Ombutho
Isakhiwo seQumrhu leSithili likaMasipala Lokumela kufuneka liquke bonke ooCeba booMasipala besithili kwaye kuqinisekiswe nabameli ngokwezelizwe, kuqukwa abanebango ababanzi besithili nabameli besithili bemibandela ebanzi.
ISAZOBE 3: AMALUNGISELELO OMBUTHO ACETYWAYO
Ibhunga
Ikomiti elawulayo okanye uSodolophu
Olawulayo okanye ooCeba Abonyuliweyo
Umlawuli kaMasipala
Iqela lePhulo loMsebenzi Amaqumrhu Abanebango Ikomiti yeWadi
Izicwangciso zeNkqubo Iindlela nemigaqo 4. IINDLELA NEMIGAQO
nabanebango
Isakhelo
Olunye lweempawu eziphambili ngenkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo kukubandakanyeka kwebutho lasekuhlaleni nemibutho yabanebango kwinkqubo.Uthatho-nxaxheba lwamaqela abandakanyekayo nanomdla kuqinisekisa ukuba i-IDP ihoya imibandela eyinene eviwa ngabahlali bakamasipala. Icandelo 3 ngasentla lithetha ngawona malungiselelo ombutho mancinci ekudingeka ukuba asekwe ukuqinisekisa uthatho-nxaxheba olufanelekileyo. Eli candelo liya kuhlabela mgama linike isikhokelo ngento umasipala ngamnye ekudingeka ukuba ayiqwalasele xa ephuhlisa indlela yobuchule yothatho-nxaxheba lukawonke-wonke kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Ukuze kufunyanwe olunye ulwazi olungesakhelo sasemthethweni nomgaqo-nkqubo ngothatho-nxaxheba lukawonke-wonke nabanebango kwimicimbi karhulumente wengingqi, oomasipala bamele babhekise kwiNcwadana esisikhokelo1 " Imigaqo esisikhokelo ye-IDP ngokubanzi". Incwadana esisikhokelo IV ("Izixhobo") inika izixhobo ezahlukeneyo neendlela zokuthatha inxaxheba.
A IMISETYENZANA NEEMVELISO ZOLUNGISELELO
Iimveliso ezifunekayo
Inkqubo ecetyiweyo
Isindululo singeniswa kwibhunga ukuba siqwalaselwe sivunywe.
Xa indlela yobuchule ivunyiwe libhunga, iKomiti Ephetheyo ye-IDP iyayibonisa le ndlela yobuchule kwintlanganiso yokuqala yeQumrhu le-IDP Lokumela .
B IMIGAQO ESISIKHOKELO YESIQULATHO
Isiqulatho esicetyiweyo
Indlela yobuchule yothatho-nxaxheba kufuneka iqulathe isigqibo ngemibandela enjengale:
Iindlela zokukhuthaza ukumelwa kwamaqela angenamibutho
Imithombo yobutyebi ekhoyo yothatho-nxaxheba
Indawo efanelekileyo yeentlanganiso/yeendibano zokufundisana
Iindlela zokuhambisa ulwazi
Iindlela zokufumana nezokuqokelela izidingo zebutho lasekuhlaleni (kuqukwa nokubhalwa phantsi kwamagalelo othatho-nxaxheba).
C IMIBANDELA EMAYIQWALASELWE XA KUPHUHLISWA INDLELA YOBUCHULE YOTHATHO-NXAXHEBA LUKAWONKE-WONKE
Xa kuyilwa indlela yobuchule yothatho-nxaxheba, umasipala kufuneka athathele ingqalelo le mibandela ilandelayo:
Ibhunga elonyuliweyo lelona qumrhu lokugqibela lokuthatha izigqibo ngee-IDP. Indima yedemokhrasi engothatho-nxaxheba kukwazisa abanebango kwaye kuthethwane nabo ngemibandela. Kwakhona inika abanebango ithuba lokwenza igalelo ngezigqibo ezithathwe libhunga.
Ukuze kuqinisekiswe uthatho- nxaxheba lukawonke-wonke, uwiso mthetho lufuna oomasipala badale iimeko ezifanelekileyo eziya kuvumela uthatho-nxaxheba. Yeyona mfuno incinci , kodwa ke ayanelanga. Oomasipala bakwanalo noxanduva lokukhuthaza ibutho lasekuhlaleni namaqela abanebango ukuba babandakanyeke. Kufuneka oku kwenziwe ingakumbi ngokubhekiselele kumaqela ahlelelekileyo okanye angananzwanga ngokuhambiselana neemeko nezikhundla kumasipala.
Uthatho-nxaxheba olwakhiweyo: Uninzi loomasipala abatsha bakhulu ngokwemigqaliselo yobungakanani babantu nommandla ukuba bavumele uthatho-nxaxheba ngqo loninzi lwabahlali kwinkqubo yocwangciso exandileyo. Uthatho-nxaxheba kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo, ke ngoko ludinga imithetho ecacileyo nemigaqo exela ukuba:
Ngubani omakathathe inxaxheba
Ngubani ongazi kuthatha inxaxheba ngqo, kodwa kuza kuboniswana naye ngemibandela ethile (umzk. oomasipala abayameneyo)
Kukweyiphi imibandela apho kufuneka uthatho-nxaxheba ngqo okanye ukubonisana.
Ukungafani: Indlela uthatho-nxaxheba lukawonke-wonke olwakhiwe ngayo,kufuneka luvumele ukungafani kummandla kamasipala ngokwemigqaliselo yoku:
Iinkcubeko ezahlukeneyo
Isini
Ulwimi
Amanqanaba emfundo
Iindleko zothatho-nxaxheba zingagcinwa zikwinqanaba elamkelekileyo ukuba abathathi nxaxheba abanako benziwe bayiqaphela into yokuba ngumdla wabo ukubandakanyeka kwinkqubo yocwangciso kwaye ayingomsebenzi abaza kuwuhlawulelwa.
Ekuphuhliseni indlela yobuchule yothatho-nxaxheba, umasipala kufuneka aqinisekise ukuba kudalwe iimeko ezivumayo zothatho-nxaxheba lukawonke-wonke olufanelekileyo nolunempumelelo. Nantsi eminye imibandela emele ukuqwalaselwa:
Ukwazisa Amabutho asekuhlaleni nabanebango:
Abahlali nabanebango kufuneka baziswe ngeenjongo zikamasipala zokuqalisa inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Ekwenzeni oko, umasipala kufuneka aqinisekise ukuba amajelo afanelekileyo eendaba (umzk. izitishi zikanomathotholo zebutho lasekuhlaleni, amaphetshana anika ulwazi phakathi kwee-akhawunti zakwamasipala njalo njalo) ayasetyenziswa ukuze kufikelelwe kubantu abaninzi kangangoko.Akufunekanga kubekho abanebango abazivela bengakhathalelwanga okanye bengabalulekanga. Ekukhetheni ijelo elifanelekileyo leendaba, oomasipala kufuneka bayiqwalasele indleko yokusebenzisa ezo ndlela.Umzekelo, kungayindleko enkulu ukufaka isibhengezo kwiphephandaba, ngoko ke le ndlela asinakuthi kulula ukuyisebenzisa.
Enye indlela yokwazisa amabutho asekuhlaleni kukusebenzisa ooceba. Ooceba kufuneka bazise abantu kwiiwadi zabo ngeentlanganiso zikawonke-wonke ezikwinqanaba lewadi.
Onke amaqela achaphazelekayo nanomdla makamenywe athathe inxaxheba:
Yonke imibutho esemxholweni yebutho lasekuhlaleni neyabanebango kufuneka imenywe ibhalise njengamalungu equmrhu le-IDP Lokumela. Umasipala kufuneka agcine isiseko-nkcazelo saloo maqela asenokungathathi nxaxheba njengamalungu equmrhu Lokumela kodwa ekuya kufuneka kuboniswane nawo kumanqanaba amaninzi enkqubo.
Ukusetyenziswa kolwimi olufanelekileyo:
Ukusetyenziswa kolwimi olufanelekileyo kubalulekile ukuvumela bonke abanebango ukuba bathathe inxaxheba ngokukhululekileyo. Ikomiti ephetheyo ye-IDP kufuneka isiqwalasele isidingo sokuchonga itoliki ukulungiselela iimeko apho abanye abathathi nxaxheba bengalonwabelanga ulwimi oluthile.
Ukukhetha indawo eyiyo:
Indawo apho imicimbi enowonke-wonke iqhutyelwa khona yiyo eya kumisa ukuba bangakanani na abantu abezayo. Kubalulekile ukuba indawo ekhethwayo ibe yefikelelekayo kubo bonke abanebango umzk. kufuneka ifikeleleke ngezithuthi zikawonke-wonke ukuze abo bathathi nxaxheba bangenazithuthi zabo bafike.
Ukukhetha ixesha elilungele iintlanganiso:
Amaxesha ekuqhutywa ngawo iintlanganiso zeQumrhu le-IDP Lokumela kufuneka alulungele uninzi lwamalungu. Ikomiti Ephetheyo ye-IDP kufuneka ibeke elona xesha lokuqhuba intlanganiso lilungele uninzi lwamalungu Iimpelaveki nazo zingaqwalaselwa.
Izixhaso ezifanelekileyo:
Ukuba iqumrhu le-IDP lineentlanganiso ezinde ezingafuna izilungiselelo zezixhaso, kufuneka kuqwalaselwe iimfuno zabathathi nxaxheba abahlukeneyo umzk. ihalaal, isidlo semifuno njalo njalo.
Abameli mabakhuthazwe baye kunika ingxelo kwimibutho yabo:
Ukunika ithuba elihle lothatho-nxaxheba olusesikweni lwabameli, abameli bebutho lasekuhlaleni nabo banebango kufuneka banikwe ixesha elaneleyo (2-4 iiveki) ukuqhuba iintlanganiso okanye iindibano zokufundisana namaqela,amabutho asekuhlaleni okanye imibutho abayimeleyo,phambi kokuba umbandela kuxoxwe ngawo liQumrhu le-IDP Lokumela. Kufuneka oku kuthathelwe ingqalelo xa kusenziwa udweliso lwenkqubo naxa kumiswa ixesha. Imfuno yokuba abameli banike ingxelo kwabo babameleyo ngesiphumo seentlanganiso/seendibano zokufundisana zeQumrhu le-IDP Lokumela, kufuneka iqukwe kwingqokelela yemithetho yokuziphatha yeQumrhu.
Ithuba labanebango lokwenza amagqabantshintshi ngamaxwebhu aqulunqwayo:
Amaxwebhu ocwangciso aqulunqwayo kufuneka afikelele kuwo onke amabutho asekuhlaleni nabanebango. Kufuneka kubekho ixesha leeveki ezintathu ubuncinane leekomiti zewadi, imibutho yabanebango namaqela anomdla nabahlali ukuze kuxoxwe phandle ngoxwebhu oluqulunqwayo kwaye kwenziwe namagqabantshintshi ngalo phambi kokuba iQumrhu le-IDP Lokumela lilugqibe uxwebhu oluqulunqwayo. Oku kumiswa kwexesha kufuneka kulungiselelwe kudweliso lwenkqubo.
Ukuvunywa kweentlanganiso zebhunga
Uxwebhu lweIDP malufumaneke kubo bonke abanebango:
Iikopi ze-IDP egqityiweyo kufuneka zifumaneke kuwo onke amabutho asekuhlaleni nabanebango. Kusenokuba luncedo nokushwankathela iimveliso eziphambili zesicwangciso, umzk. umbono kamasipala, iinjongo njalo njalo ngeelwimi ngeelwimi ezisemxholweni kuloo mmamdla kamasipala.
Urhulumente kamasipala, esebenza neekomiti ze-IDP kufuneka asebenzise zonke iindlela ezakhe zakho adale iimeko ezifunekayo ukukhuthaza inxaxheba kawonke-wonke.
Ukhuthazo olunentshukumo kufuneka luqwalasele kumaqela ezentlalo angawangcanga kwaye angenawo namandla okuvakalisa imidla yawo ngokuphandle umzk. amaqela ahlwempuzekileyo, abafazi, abalimeleyo, amaqela ngokobudala (ulutsha, iinkedama nabantu abadala) njalo njalo Kufuneka umasipala awachonge amaqela kwaye amisele iindlela zokuqinisekisa ukumelwa kwabo kwiqumrhu le-IDP Lokumela.
Enye yeendlela zokuqinisekisa uthatho-nxaxheba lwala maqela kukushukumisa iiNGO okanye abantu abayimithombo yobutyebi ufune izinto abanomdla kuzo.
Uthatho nxaxheba lukawonke wonke alulingani kwaye akufanelekanga ukuba lubekho kwinqanaba ngalinye, yaye asiyiyo yonke imigaqo elinganayo efanelekileyo yenqanaba ngalinye elicetywayo. Ukusikela umda iindleko zokuba nenxaxheba, ukuphepha ukudinwa kuthatho- nxaxheba, ukungalahl'ithemba kwigalelo lothatho-nxaxheba, iindlela zokuba nenxaxheba ziya kwahluka ngokwamazinga awahlukeneyo. Ikomiti Ephetheyo ye-IDP ifanele iyiqonde kakuhle Incwadi yesikhokelo 111 (indlela yosetyenziso) ukuze ikwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo zokuba nenxaxheba kwizigaba ezahlukeneyo. Ezi zikhokelo zilandelayo zinako ukubanceda oomasipala ukuba benze izigqibo ezifanelekileyo ngezixhobo ezahlukeneyo zezigaba zocwangciso:
Isigaba socwangciso Iindlela zokuba nenxaxheba
Uhlalutyo
Iintlanganiso zoluntu ezilungiselelwe ngamabhunga
Iintlanganiso zabo banebango
Umzekelo wokuboniswa
Uhlolo zimvo
Ubuchule
Imisebenzi efundisa ubuchule yezithili, nabameli babo bonke oomasipala, amacandelo amaphondo namasebe kazwelonke nabameli abakhethiweyo kwabo banebango emibuthweni nakubuncwane babantu.
Iqumrhu le-IDP Lokumela kwinqanaba lengingqi
Ukuvuselela ingxoxo-mpikiswano ngeziganeko ezinjengamatyala, neenkomfa noonondaba njl.
Amaphulo acetywayo
Iikomiti ezincinane zobungcali ezinabantu abambalwa abanyuliweyo bombutho wabanebango/ibutho loluntu a amaphulo/
iinkqubo zikamasipala ngokubanzi
Ingxoxo mpikiswano ezinzulu phakathi kweekomiti ezincinane zoochwepheshe noluntu oluchaphazelekayo/olunebango b amaphulo engingqi amabutho asekuhlaleni
Ukuvunywa
Iingxoxo eziphangaleleyo zikawonke- wonke/inkqubo yokucebisa kwibutho loluntu/kwimibutho enebango
Amathuba okugqabaza kwabahlali nemibutho yabo banebango
Ukubeka esweni nokuphumeza Iqumrhu le-IDP Lokumela
UKUYILA INKQUBO YENYATHELO
Izicwangciso zeNkqubo
Isakhelo
Inkqubo yokuthabatha inyathelo lilungu leSicwangciso seNkqubo kwaye kuphela kwesicwangciso soshishino esiphendula imibuzo: Yintoni ekufuneka yenziwe, nini, iya kuthabatha ithuba elingakanani, ngubani oya kuthwala olo xanduva, ngubani onikelayo ibe bubuphi ubuncwane obuya kufuneka. INkqubo yokuthabatha inyathelo ifanele yaziwe ngawo onke amalungu aphambili enkqubo ye-IDP ukuqiniseka ngothatho-nxaxheba nangolungelelwano. INkqubo yokuyila yokuthabatha inyathelo kubaluleke kakhulu ukuba iqhelane neNcwadana esisikhokelo111 ukunikela ingqalelo kwiSakhelo sesithili. Akunakufumaneka yonke inkcazelo yoyilo kwiNkqubo yokuthabatha inyathelo ebudeni besigaba sokulungiselela. Eminye imisetyenzana ibiya kuqukwa ize ichazwe kamva. (umz. kuphela yimiba yamalungelo aphambili eyaziwayo, iya kufuna ukuhlalutywa ngakumbi ukuze icace).
A ULUNGISELELO LWEMISETYENZANA NEEMVELISO
Iimveliso ezifunekayo Inkqubo yokuthabatha inyathelo esekelwe kwizigaba ze-IDP nemisetyenzana yocwangciso iquka:
imisetyenzana/imisebenzi iziganeko zokulungiselela, ukusebenza nokugqiba wonke uMsetyenzana oCetyiweyo;
igama lomntu othwaliswe olo xanduva lokulawula, aququzelele okanye abhale umsetyenzana oCetywayo;
umhla wokuqalisa nobude obulindelekileyo;
amagama abantu/izinto ekufuneka zibandakanyekile ngendlela umz. ukubakho kwiintlanganiso/ukwenza amagqabantshintshi;
nobuncwane obufunekayo (abacebisi/iindawo/ukulungiselela isidlo/iimali nokuguqulela) neendleko.
Kuqwalasela imisetyenzana yesigaba ngasinye ngexesha elicetyiweyo kwiNcwadana esisikhokelo 111 kunye nexesha lamagqabantsintshi esithili;
Kungenisa inkqubo yokuthabatha inyathelo eyilwayo kwiSakhelo Somsebenzi wokufundisa;
Kuxoxa bavumelane ngeSakhelo seNkqubo yeSithili njengesiseko seNkqubo kaMasipala;
Kuqhelanisa eli Nyathelo leNkqubo neemeko zasekuhlaleni uqwalasela iSakhelo se-DM;
Kugqibezela inkqubo yokuthabatha inyathelo ngokuthi :
inikele ingqalelo kumalungiselelo nakwimiba echaziweyo noxanduva lwalo mibutho;
kuquke imisetyenzana yolungelelwano;
ukuba nenxaxheba koluntu;
nokubonisa ubuncwane obufunekayo (abacebisi, indawo, ukulungiselela isidlo).
B IMIGAQO ESISIKHOKELO YESIQULATHO
Imibandela enikelwa ingqalelo ngokwexesha elimisiweyo leNkqubo yokuthabatha inyathelo
Ixesha elimisiweyo elikwisiHlomelo 1 lifanele linikelwe ingqalelo xa kuyilwa iSakhelo neNkqubo yokuthabatha inyathelo.
Inkqubo yokuthabatha inyathelo ifanele inikele iingqalelo kwiimeko zasekuhlaleni (umz. iintlanganiso ezithe rhoqo zeBhunga) ukulungelelanisa ixesha nenkqubo yohlahlo-lwabiwo mali lukamasipala, kubekwa esweni nohlahlo-lwabiwo mali lwemisetyenzana eza kwenziwa njengenxalenye yenkqubo ye-IDP.
Ukuqinisekisa ukuba iimveliso zenkqubo ye-IDP zifanelekile kumasipala, yaye ibhunga likaMasiplala liya kufuna ukuqwalasela nokucela ukulungisa iimveliso ebudeni benkqubo. Ukuze oku kube nokwenzeka sicebisa inkqubo yokunikela ingqalelo kwizigaba apho iimveliso zesigaba ngasinye :
zidluliselwa kwiQumrhu le-IDP Lokumela, umqondiso wokuba inkqubo inako ukuqhubeka xa ivunyelwe;
icwangcisiwe yaza yaxutyushwa liBhunga likamasipala.
Kubaluleke kakhulu ukuba ngoku iBhunga likamasipala libeke esweni iimveliso zeenkqubo zikamasipala ze-IDP, inkqubo iqhubeke ingamiswa, nokuba iimveliso azanelisi. Amagqabantshintshi eBhunga likamasipala aya kuqukwa aze anikelwe ingqalelo ngalo lonke ixesha.
IINDLELA NEMIGAQO YOLUNGELELANISO
Izicwangciso zenkqubo
Isakhelo Iindlela nemigaqo yolungelelaniso
Inkqubo yocwangciso ye-IDP yinkqubo yasekuhlaleni, efuna igalelo nenkxaso yamanye amanqanaba karhulumente ngokwamabanga awahlukeneyo. Ngaphambi kokuba kuqaliswe ngenkqubo yokucwangcisa oomasipala kufanele baqonde ukuba ulungelelwano lufanele lubekho nendlela olubaluleke ngayo, ngeendlela oku okunokuphunyezwa ngayo. Ulungelelwano yindlela yokudibanisa abo baphezulu nabo basezantsi nokunyuka ukusuka ezantsi kuyiwe phezulu kumanqanaba okucwangcisa awahlukeneyo karhulumente.
Imigaqo yolungelelwano neendlela zingamalungu eSicwangciso seNkqubo kunye neSakhelo. Ifanele ifikelele ekuhlaleni kwizithili zoomasipala, nakwimibutho ebandakanyekileyo yolungelelwano ifanele yaziswe.
Kukho iindidi ezimbini eziphambili zolungelelwano ezifunekayo:
Phakathi koomasipala nezithili ezisemxholweni ukuqinisekisa ukuba iinkqubo zocwangciso nemibandela yokulawula yandlalwe ngokuhlangeneyo. Isithili sona sinoxanduva lokuqinisekisa ukuba ulungelelwano phakathi koomasipala basekuhlaleni lubakho.
Phakathi korhulumente wengingqi (oomasipala/izithili) namanye amanqanaba ngokukodwa amasebe amacandelo amaphondo/kazwelonke kuquka neenkonzo ezinikelwayo (umz. Eskom, Telkom) ukuqinisekisa ukuba i-IDP ihambisana nemigaqo- nkqubo kazwelonke namaphondo nobuchule ukuze oko kunikelwe ingqalelo kuhlahlo-lwabiwo mali lwamasebe neendodla ezinikelwayo phantsi kweemeko ezithile. Isebe lamaphondo likaRhulumente weNgingqi limele lidlale indima ekhokelayo ukuqinisekisa ukuba amacandelo amasebe ayayiqonda into efunekayo kulungelelwano neendima zalo kwinkqubo ye-IDP yasekuhlaleni.
A ULUNGISELELO LWEMISETYENZANA NEEMVELISO
Iimveliso ezifunekayo Iimveliso ezifunekayo zifanele zichazwe ngokwahlukileyo kuzo zombini iindidi zolungelelwano (phakathi koomasipala nezithili ezisemxholweni/ phakathi korhulumente wengingqi namanye amanqanaba/iinkonzo ezinikelwayo):
Uludwe lwabaphambili ababandakanyekileyo kwinkqubo yolungelelwano.
Iziganeko zolungelelwano njengokunwenwa kwenkcazelo nemisetyenzana ehlangeneyo ecwangciswayo ngokwezigaba ukubonisa ixesha nabo badlala iindima ezibalulekileyo ababandakanyekileyo.
Iindlela zokusombulula ukungaboni ngasonye kulungelelwano lwabo badlala iindima eziphambili.
Inkqubo ecetywayo Inkqubo yokufikelela kwisivumelwano ngemigaqo yolungelelwano iyahambisana nenkqubo yokufikelela kwiSakhelo.
Ikomiti Ephetheyo ye-IDP ibonisa ulungelelwano olufunekayo kwinqanaba lesithili iSakhelo somsebenzi osekelwe kwindlela yeSikhokelo 111.
Kwindibano yokufundisana:
ukwenza uludwe lwesikhokelo seemfuno nokuxubusha iindlela zokuqinisekisa ulungelelwano;
ukuvumelana ngeendlela zolungelelwano ngexesha nabo badlala iindima eziphambili ababandakanyekileyo.
nokuceba ingxoxo- mpikiswano ngeendlela zokufikelela kwisigqibo ukusombulula iingxaki okanye ukungaboni ngasonye koomasipala basekuhlaleni nengingqi kwisithili.
I-DM ibopheleleke kwintlanganiso, ngonxibelelwano olubhaliweyo namasebe kazwelonke nawamaphondo neenkonzo ezinikelwayo eziyimfuneko zokwandlala ulungelelwano lukamasipala nesithili nezinto ezilindelweyo neendlela ekuvunyelwene ngazo.
Umasipala ngamnye uya kuqwalasela ulungelelwano xa eyila inkqubo yokuthabatha inyathelo ngexesha elimiselweyo.
B IMIGAQO ESISIKHOKELO YESIQULATHO
Imigaqo yoLungelelwaniso
Iimfuno zolungelelwano zifanele zincitshiswe ukugcina iimfuno zolawulo zikwizinga elilawulekayo.
Iindlela ezahlukeneyo zolungelelwano ziya kufanela iimfuno ezahlukeneyo zolungelelwano namanqanaba awahlukeneyo.
Oku kusebenza ngokuphathelele kwezi ndlela zolungelelwano:
Ukugcina inani leziganeko zolungelelwano (imisebenzi efundisayo elolo hlobo/iintlanganiso) iphantsi ngenxa yemali nexesha elifunekayo.
Ukusebenzisa unxibelelwano lweendlela ezimbini -lomnxeba/elektroniki/olubhalwayo kangangoko kunokwenzeka
Iziganeko ezinabantu abaninzi ababa nenxaxheba abavela kumacandelo nakumanqanaba awahlukeneyo ziya kufuna umfundisi onobuchule. Umfundisi lo ufanele abenoxanduva lokuvelisa umqulu.
Ulungelelwano lwamaSebe anako ukuphunyezwa ngokutyelelwa kwamaphondo kwizithili.
Ukusekwa kwequmrhu liquka amaphondo, izithili, omasipala njl. linokuthi kwiimeko libe lelifanelekileyo.
Oomasipala , basekuhlaleni nabesithili, bafanele bazilungelelanise ukuze babambisane noomasipala abangabamelwane kwimiba ebachaphazela bobabini.
Abantu ekucetywayo ukuba babandakanyeke kwinkqubo yolungelelwano
Phakat Phakathi koomasipala nesithili esifanelekayo:
Iziko lePIMS lokucetywa kwabasebenzi abaqeqeshiweyo.
Phakathi korhulumente wengingqi namanye amanqanaba/neenkonzo ezinikelwayo:
Amagosa aphezulu ecandelo lesebe amaPhondo nozwelonke.
Amagosa aphezulu abo banikela iinkonzo afanelekayo Eskom,
Ulawulo olucetywayo ukuqinisekisa ukuba kukho ulungelelwano Kuzo zombini ezi ndidi zolungelelwano oluphakathi koomasipala naphakathi kwesithili esifanelekayo/korhulumente wengingqi namanye amanqanaba/nomanyano lweenkonzo ezinikelwayo olona xanduva lukhulu kukuqinisekisa ulungelelwano olukhoyo phakathi kukaMasipala wesithili.
Isebe lePhondo likaRhulumente weNgingqi lidlala
Indima ebalulekileyo njengomlungelelanisi ukuqiniseka ngolungelelwano olungaphezulu kwenqanaba lesithili naphakathi kwezithili ezikwelo phondo.
Apho kukho ubukhulu obaneleyo, Amaziko e-PIMS Amaziko Okucwangcisa nokuPhunyezwa kweNkxaso yoLawulo, amiselwe kwizinga lesithili, anako ukuxhasa abaphathi kwinkqubo yolungelelwano.
Izithili ezingenawo la Maziko e-PIMS afanele anyule umntu ofanelekayo ukulawula inkqubo yolungelelwano.
Kwiimeko apho oomasipala besithili bengaphantsi kwezinga elifunekayo (umz. isithili esisandula ukusekwa) oomasipala bafanele banyule umntu ozimiseleyo kwalapha kumasipala ukulawula le nkqubo esenzela bonke oomasipala kwi-DM.
Ulungelelwano olucetywayo Ulungelelwano olucetwayo ngesigaba ngasinye Ngenxa yokubakho komahluko kwindlela isigaba esilungelelene ngayo linokubaluleka kwaye indlela yolungelelwano olufanelekileyo iya kwahluka. Esi sicwangciso sicebisa iimfuno ezincinane zolungelelwano kuzo zombini iintlobo zolungelelwano kwisigaba ngasinye. Ixesha elibonisiweyo ekubhekiselwe kwiXesha leNkqubo ebonisiweyo lincanyatheliswe kwiSihlomelo 1.
Isigaba Ixesha (iiveki) Umsetyenzana wolungelelwano Umasipala Urhulumente wengingqi/
Isigaba
1. 7 1. Ulwazi ngemiba yamalungelo aphambili kwiDC
23-27 4. Ubuchule beemveliso zomsebenzi
28-30 5. Iinkqubo zamacandelo phantsi koxanduva lwecandelo lamaphondo nelikazwelonke isiphelo 33 6.Ukungenisa uyilo lwe-IDP
-37 8. Ukuqulunqa izinga lesithili
UWISO MTHETHO OLUBOPHELELAYO LUKAZWELONKE NEPHONDO NEEMFUNO ZOCWANGCISO
Izicwangciso zenkqubo
Kukuqinisekisa lonke uwiso mthetho olubophelelayo olufanelekileyo lukazwelonke nolwamaphondo kunye nemigaqo nkqubo, iinkqubo, izinto ezicetywayo neengxowa mali ezifumanekayo zinikelwa ingqalelo kwiinkqubo zikamasipala ze-IDP ukuba zifanele zibe nolwazi olufanelekileyo. Ukuze kubekho impumelelo kuze kuncitshiswe iindleko, izithili zifanele zinike oomasipala inkcazelo efunekayo.
ULUNGISELELO LWEMISETYENZANA NEEMVELISO
Iimveliso ezifunekayo Luludwe lwezithili ezihlangeneyo uzwelonke namaphondo uwiso mthetho olubophelelayo kuquka neendidi zezinto ezifunekayo (imfuneko engokwasemthethweni yenqanaba elithile elicetywayo likamasipala, imfuneko engokwasemthethweni njengenxalenye ye-IDP, ngokuvisisana nesakhelo, ukongeza ixabiso kumnikelo). (Uludwe oluyilwayo lowiso mthetho kazwelonke, bona isihlomelo 3).
Uludwe lweminye imigaqo nkqubo, izicwangciso nemiqulu.
Inkqubo ecetywayo I-DM ngenkxaso yoMlungelelanisi we-IDP wamaphondo iza kulungiselela uludwe lwemithetho ewiswayo yamaPhondo kunye nezinye iinkcazelo zeMisebenzi yeSakhelo.
I-DM iza kubonisa uludwe kumsebenzi weSakhelo ukuqhelanisa oomasipala neemfuno zamacandelo amasebe kunye nemigaqo nkqubo/iinkqubo/iingxowamali/nabantu ekunokudityanwa nabo.
B IMIGAQO ESISIKHOKELO YESIQULATHO
Kukusebenzisa ithuba lokubambisana namacandelo amasebe kazwelonke nawamaphondo ukumisela iindlela zokudibana ukulungelelanisa nokwandlala imfuneko yenkcazelo yemigaqo nkqubo, izicwangciso neengxowa mali, ukuqinisekisa ukuba i-IDP isebenzelana neemfuno zecandelo yaye inako ukuba nomtsalane kuhlahlo lwabiwo- mali lwecandelo.
UHLAHLO LWABIWO-MALI LWENKQUBO YOCWANGCISO
Uqikelelo lweendleko yenkqubo yocwangciso
Izicwangciso zenkqubo
Isakhelo
Iindleko zenkqubo ye-IDP zimele zenziwe kuhlahlo lwabiwo-mali lukamasipala. Olu hlahlo lwabiwo-mali lusebenza njengesiseko seminikelo yemali evela kwinqanaba lephondo nelikazwelonke. Ikwanokunceda ulawulo lukamasipala ukubona ukuba iindleko zezo nkqubo zisengqiqweni kusinina ngokuphathelele kweminye imiba yohlahlo lwabiwo-mali. Ukuba kunokwenzeka iindleko zixhome kakhulu ngendlela engamkelekanga, kuya kuqwalaselwa kwakhona iSicwangciso seNkqubo ukuze kufikelelwe kwinkqubo exabiso liphantsi ye-IDP okanye kuya kufuneka kukhangelwe iminikelo evela kweminye imithombo.
A ULUNGISELELO LWEMISETYENZANA NEEMVELISO
Iimveliso ezifunekayo Uludwe lwezinto ekuchithelwe kuzo imali indleko zento nganye, amanani ezinto ngazinye nesambuku sendleko zonke zenkcitho eyenziweyo.
Zonke iindleko ezongezelelekileyo.
Uhlahlo lwabiwo-mali olubalulekileyo/inkcitho kwizinto lwahlulwahlulwe ngale ndlela:
Imali yabacebisi
Imali yabo bafundisayo
Iindleko zokusasaza ulwazi
Iindleko zemisebenzi neentlanganiso
Iindleko zokushicilela
Inkqubo ecetywayo Imithombo efunekayo kumelwe iboniswe kwiSicwangciso seXesha eLibekiweyo neeMfuno Zemithombo" kumsetyenzana ngamnye oyintloko ocwangciswayo.
Ngokusekelwe kwisicwangciso,iindleko zinokubalwa zishwankathelwe ngohlobo lwenkcitho.
Kwiimeko apho izambuku zeendleko zixhome ngendlela engamkelekanga, iKomiti Ephetheyo iya kuxubusha iindlela nezinto zokunciphisa iindleko ngokukhangela iindlela ezinamaxabiso aphantsi okanye ngokucetywa kwemisetyenzana okanye ngokuthoba indlela yokucetywa kwemisetyenzana eyilwayo.
B IMIGAQO ESISIKHOKELO YESIQULATHO
Ekubeni kungenakwenzeka ukuthelekelela zonke iindleko zezicwangciso ngokuchanekileyo ngaphambi kokuqalisa iinkqubo yocwangciso uhlahlo lwabiwo- mali lwenkqubo ye-IDP luza kunyanzeleka lusebenze ngokuthelekelela.
Uhlahlo lwabiwo- mali lwenkqubo ye-IDP lomlinganiselo wodidi olungu-B lukaMasipala (malunga nabantu abali-100 000) alufanelanga ludlule kwimali engama-R200 000,00.
Iimfuno zenkcazelo zidla ngokubaziindleko ezinkulu. Oku kuyinyaniso ngokukodwa kwiindawo ezisemaphandleni apho kukho ulwazi oluncinane olufumanekayo. Kwiimeko ezilolo hlobo umntu ufanele anikele ingqalelo ukuba akunakuqokelelwa yonke inkcazelo efunekayo kwikhondo lokuqala lwenkqubo ye-IDP kamasipala osemtsha. Ukucetywa okusengqiqweni kudla ngokwenziwa kakuhle ngokuthi kusekelwe kwintelekelelo esengqondweni echubekileyo.
Iindleko zokuba nenxaxheba zinokubekwa kwinqanaba elamkelekileyo ukuba abo babanenxaxheba benziwe basazi isibakala sokuba yinto abanomdla kuyo ebandakanyekileyo kwinkqubo yoko kucetywayo asingomsebenzi abawuhlawulelwayo.
ISAKHELO
Isakhelo luxwebhu olukhokelayo olulungelelanisa inkqubo ecetywayo phakathi koomasipala naphakathi koomasipala nesithili esifanelekileyo. Isakhelo sifanele siphuhliswe kumsebenzi owenziwa ngokuhlangeneyo kwaye sibophelele kwisithili nakoomasipala basekuhlaleni.
A ULUNGISELELO LWEMISETYENZANA NEEMVELISO
Iimveliso ezifunekayo Intshayelelo
Inkqubo yesakhelo
Iindlela nemigaqo yolungelelwano nokuhlangana (bona isahluko 6).
Iimfuno zezicwangciso ezibophelelayo ngokusemthethweni (bona isahluko 7).
Imigaqo yokubeka esweni iSicwangciso seNkqubo nokulungiswa kweSakhelo.
Inkqubo ecetywayo Ixesha kwisithili lokubonisa aBalawuli beIDP koku:
Inkqubo yoCwangciso nendlela yokusebenzisa
Uwiso mthetho (Umthetho Wobume booMasipala).
Iinkqubo eziXhasayo.
Oomasipala bayila iinkqubo zokulungelelana neemfuno.
Izithili zilungiselela umsebenzi kuquka uludwe olubophelelayo lowiso mthetho neemfuno ezicetywayo.
Indibano yokufundisana yeSakhelo yesithili:
Kukudibanisa iinkqubo zabantu ngabanye nokuvumelana ngeNkqubo yeSakhelo;
Kukuxubusha nokuvumelana ngokulungelelelana kweemfuno neendlela; kwaye
Kukuphuhlisa nokuvumelana ngowiso mthetho olubophelelayo ngokusemthethweni nemiqulu efanelekileyo.
Ukwamkela iSakhelo ngokweBhunga leSithili.
Isakhelo simele sinikelwe ingqalelo ngabo bonke oomasipala abakwimida yesithili ngeli xa belungiselela iSicwangciso seNkqubo.
B IMIGAQO ESISIKHOKELO YESIQULATHO
Inkqubo yeSakhelo sisishwankathelo seNyathelo leNkqubo yesithili neeNkqubo zenyathelo likaMasipala eziqwalasela imisebenzi yesithili ngokubanzi efanele ithatyathwe kunye ngendlela elungeleleneyo (umz. indlela yomsebenzi wesithili ngokubanzi). Ngamanye amazwi sisixhobo solungelelwano phakathi koomasipala nesithili esifanelekileyo.
Imigaqo yokubekwa esweni kweSicwangciso seNkqubo nokulungiswa kweSakhelo.
Umasipala ngamnye uya kuzithwalela uxanduva lokubeka esweni iZicwangciso zeNkqubo zakhe ezicetywayo ukuqiniseka ukuba iNkqubo iyalandelwa njengoko kuvunyelwene.
Imigaqo ecetywayo yokuphambuka:
Ukumisela iikomiti zabalawuli be-IDP edibanayo emva kwesigaba ngasinye ukuhlola inkqubela ize igqibe ngokwenza izilungiso;
Umasipala ngamnye umele azise uMasipala wesithili ngokuphambuka kweNyathelo leNkqubo oko okuthi kuchaphazele imisetyenzana yesithili ngokubanzi (umzk. ukwaziswa kwezinto ezizintloko zikamasipala kulityazisiwe kwaye indibano yokufundisana yeSithili ngokubanzi imisiwe);
I-DM inamandla okugqiba ngexesha nangendlela ulungiso olumele lube ngayo kwaye inako ukuwurhoxisa umsetyenzana okanye iwuqhube ngenkqubo evunyiweyo; okanye
Bonke oomasipala bafanele bavumelane ngaphambi kokuba iSakhelo silungiswe.
ISIHLOMELO 1
ISIGABA 1: UCALULO/UHLAL ISIGABA1: UHLALUTYO Ixesha
Iiveki
Umsetyenzana woCwangciso 1/1-1/10 12
/1Ukuqokelelwa kolwazi 2
/2Ucalulo lwebutho lasekuhlaleni nabanebango 4
/3 Ukuvumelelanisa 5
/4-1/6 Ucalulo lukaMasipala 4
/7 Imibandela enguNdoqo 1
/8- 1/9 Ucalulo olunzulu 4
/10 Ukudityaniswa kweziphumo zocalulo 1
ISIGABA 2: IINDLELA ZOBUCHULE
Umsetyenzana woCwangciso 2/1-2/10 8
/1-2/2 Imibono neenjongo 1
/3 Imigaqo esisikhokelo eyenzelwe ingingqi 1
/4 Ingcaciso yezakhelo zemithombo yobutyebi 2
/5 Ukuyila ezinye iindlela zobuchule 4
/6 Ingxoxo-mpikiswano kawonke-wonke engezinye iindlela 4
/7 Iindibano zokufundisana zenqanaba lesithili zendlela yobuchule 4
/8-2/9 Ukucalula nokuthatha izigqibo 4
/10 Izigqibo zengingqi 2
ISIGABA 3: AMAPHULO/IIPROJEKTHI
Umsetyenzana woCwangciso 3/1-3/9 7
/1 Ukwakha Amaqela Amaphulo Omsebenzi 2
/2 Ukwabiwa kokuqala lohlahlo-lwabiwo mali 2
/4 Uthatho-nxaxheba lweqela ekubhekiswe kulo 5
/5 Amahlakani amaphulo 5
/6-3/9 Izigqibo zobuchwepheshe zamaphulo 5
ISIGABA 4: UHLANGANISO
Umsetyenzana woCwangciso 4/1-4/14 5
/1 ukuhluza & Umboniso wokuqala 2
ISIGABA 5: UKUVUNYWA
Umsetyenzana woCwangciso 5/1-5/6 5
/4 Ukufakela/ukuphendula 2
/5 Ulwamkelo lokugqibela libhunga 1
/6 Izishwankathelo zenqanaba lesithili 2
ULUNGISELELO - ISIHLOMELO 1
ISIHLOMELO 2
ISIGABA 1: UCALULO/UHLALUTYO
Isigaba socalulo kufuneka sithathe ngokwe-avareji iinyanga ezi-3 sigqitywe. Yonke imisetyenzana yoCwangciso kufuneka icwangciswe ngohlobo lokuba yenzeke ngeli xesha.
ULUNGISELELO - ISIHLOMELO 2
Isigaba 1: Ucalulo
Umsetyenzana wocwangciso
/1: Ukuqokelelwa kolwazi olukhoyo
/2:Ucalulo kwinqanaba lebutho lasekuhlaleni nabanebango
/3: Ukuvumelelanisa ulwazi olukhoyo nocalulo lwebutho lasekuhlaleni nabanebango
/4: Ucalulo olubanzi lukamasipala
/5: Ucalulo lwendawo
/7: Ukuchongwa kwemibandela engundoqo kamasipala
/8: Ucalulo olunzulu lwemibandela engundoqo:
Imigaqo esisikhokelo ngokubanzi
/9: Ucalulo olunzulu lwemibandela engundoqo:
Imigaqo esisikhokelo yecandelo
/10: Ukudityaniswa kocalulo lweziphumo yemibandela engundoqo
Umsebenzi
Umntu onoxanduva
Uludwe lwexesha
Abathathi nxaxheba
Imithombo yobutyebi efunekayo neendleko
Isigaba seendlela zobuchule kufuneka ngokwe-avareji sithathe iinyanga ezi-2 sigqitywe. Umsetyenzana woCwangciso kufuneka ucwangciswe ngohlobo lokuba wenzeke ngeli xesha.
Umsetyenzana wocwangciso
II/3: Imigaqo esisikhokelo yeendlela zobuchule
II/4: Ukucacisa iSakhelo semithombo yobutyebi
II/5:Ukuyila ezinye iindlela zobuchule
II/6: Ukuququzelela iindibano zokufundisana zendlela yobuchule kwinqanaba leSithili
II/7: Ukuyila iimeko zengxoxo-mpikiswano ezingezinye iindlela
II/10: Ukuyila indlela yobuchule: Imigaqo esisikhokelo eyodwa yecandelo
/11: Ukuyila indlela yobuchule: Imizekelo
Umsebenzi
Umntu onoxanduva
Uludwe lwexesha
Abathathi nxaxheba
Imithombo yobutyebi efunekayo neendleko
ULUNGISELELO- ISIHLOMELO 2
ULUNGISELELO: ISIHLOMELO 2
Isigaba samaphulo kufuneka ngokwe-avareji sithathe iinyanga ezi-2 sigqitywe. Imisetyenzana yoCwangciso kufuneka icwangciswe ngohlobo lokuba yenzeke ngeli xesha.
Umsetyenzana wocwangciso
III/2: Ukuseka Ukwabiwa kokuqala kohlahlo lwabiwo-mali
III/6:Imigaqo esisikhokelo eyodwa yecandelo
III/8: Iimveliso zamaphulo/ekujoliswe kuko/ iindawo
III/9:Imisetyenzana emikhulu/Ixesha/Amashishini anoxanduva
Umsebenzi
Umntu onoxanduva
Uludwe lwexesha
Abathathi nxaxheba
Imithombo yobutyebi efunekayo neendleko
Isigaba sohlanganiso kufuneka ngokwe-avareji sithathe iiveki ezi-6 sigqitywe. Imisetyenzana yoCwangciso kufuneka icwangciswe ngohlobo lokuba yenzeke ngeli xesha.
Umsetyenzana wocwangciso
IV/1: Ukuhluzwa kwezindululo zamaphulo aqulunqwayo
IV/2: Ukuhlanganiswa kwezindululo nodweliso lweenkqubo
IV/3: Ukuhlanganisa Udweliso lwenkqubo yecandelo
IV/7:Udweliso lwenkqubo yophuhliso loqoqosho lwengingqi oluhlangeneyo
IV/8:Udweliso lwenkqubo yoNcitshiso lobuhlwempu/yolingano ngokwesini
IV/9:Udweliso lwenkqubo yemeko-bume ehlangeneyo
IV/10:Udweliso lwenkqubo ehlangeneyo yeziko yoPhumezo loLawulo
IV/12: Udweliso lwenkqubo yophumezo oluhlangeneyo
Umsebenzi
Umntu onoxanduva
Uludwe lwexesha
Abathathi nxaxheba
Imithombo yobutyebi efunekayo neendleko
ULUNGISELELO: ISIHLOMELO 2
ISIGABA V: UKUVUNYWA
Isigaba sokuvunywa kufuneka ngokwe-avareji sithathe iiveki ezi-6 sigqitywe ukuze singeniswe kwiLungu leSigqeba soLawulo. Imisetyenzana yoCwangciso kufuneka icwangciswe ngohlobo lokuba yenzeke ngeli xesha.
Isigaba V: Ukuvunywa
Umsetyenzana wocwangciso
V/1: Ukunika ithuba lamagqabantshintshi avela kurhulumente wephondo/nokazwelonke
V/2:Indibano yokufundisana yenqanaba lesithili yolungelelwaniso (lukamasipala) oluthe tyaba
V/3: Ukunika ithuba lamagqabantshintshi avela kuwonke-wonke
V/4:Ukufaka/ukuphendula amagqabantshintshi avela kuwonke-wonke, avela kwisithili nakwamanye amasebe ephondo nakazwelonke
V/5: ulwamkelo lokugqibela libhunga likamasipala
V/6: Izishwankathelo zenqanaba lesithili lee-IDP zengingqi
Umsebenzi
Umntu onoxanduva
Uludwe lwexesha
Abathathi nxaxheba
Imithombo yobutyebi efunekayo neendleko
ISIHLOMELO 3
ULUHLU LOWISO MTHETHO OLUBOPHELELAYO LUKAZWELONKE
Udidi lokufunekayo
Imfuno yecandelo
Olwesicwangciso senqanaba likamasipala
Isicwangciso soPhuhliso lweeNkonzo zaManzi;
Isicwangciso soThutho Oluhlangeneyo;
Isicwangciso soLawulo Oluhlangeneyo lweNkunkuma
Iinjongo zoPhuhliso loMhlaba (indawo yalo iza kuthathwa lucwangciso lwendawo njengemfuno emayifakwe njengenxalenye kwi-IDP).
Iindlela zobuchule zeendawo zokuhlala nokujoliswe kuko
Imibandela yolawulo lweendleko;
Iindlela zobuchule zophuhliso loqoqosho lwengingqi;
Ucwangciso oluhlangeneyo lwamaziko nezixhobo zokusebenza;
Ucwangciso oluhlangeneyo lwamandla;
Isakhelo sendawo
Imithetho-siseko yoMthetho woLawulo lweMeko-bume kaZwelonke
Imithetho-siseko yoMthetho woNcediso loPhuhliso;
Izicwangciso zoLawulo lwemeko-bume
Olwegalelo lokongeza ixabiso
Igama
Isikhundla
Umphathi:
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
Ilungu leqela lokusebenza
Umphathi
Ilungu leqela lokusebenza
Ilungu leqela lokusebenza
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
Mntla Ntshona
Mntla Koloni
Iphondo loMntla
Mpumalanga
Ntshona Koloni
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
DLA
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
Umphathi
Ilungu leqela lokusebenza
Ilungu leqela lokusebenza
Ilungu leqela lokusebenza
Ifowuni
Ifeksi
EZINYE IINKQUBO ZESEBE LIKARHULUMENTE WEPHONDO NOWENGINGQI
Igama
Inkqubo
Isicwangciso sezeNtlalo
Ifowuni
Ifeksi
